Ezimnyama zibambene neMaritzburg United, yona iCeltic ivuthulule iHighlands Park

Judas Moseamedi of Maritzburg United challenged by Ntsikelelo Nyauza of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 match between Orlando Pirates and Maritzburg United at the Orlando Stadium, Soweto on the 05 November 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuthi
nqumama iintsukwana ngenxa yeTelkom Knockout, imidlalo ye-Absa Premiership
ibuyile kule veki. Namhlanje i-Orlando Pirates ibambene neMaritzburg United
emdlalweni obunzima e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje. Omabini amaqela agqibe
umdlalo edontsa ngamadoda abalishumi emva kokuba uHappy Jele noKwanda Mngonyama
bekhutshwe ngamakhadi abomvu emdlalweni. URhulani Mokwena uye wenza iinguqu
ngoba abanye babadlali bakhe bebenqunyanyisiwe ngenxa yamakhadi atyheli
abawafumene emidlalweni egqithileyo. Ahlaselene amaqela kwisigaba sokuqala –
kodwa nguRichard Ofori oqinisekise okokuba iPirates ayilifumani igowuli
lempumelelo.

Njengokuba isigaba
sokuqala besonganyelwe yiPirates, nayo iMaritzburg ikwazile ukuhlasela
kwisigaba sesini nangani iinzame zabadlali zingabuyanga nanto. Emva
kokukhutshwa kukaJele, iqela lika-Eric Tinkler, omke ebaleni engaxolanga ncam,
alikwazanga ukuyigubungela iPirates ophexekileyo emva kwebhola enqandwe yipali.
Kanti kwelinye icala, iBloemfontein Celtic ivuthulule iHighlands Park
ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1). Umdlalo obuphakathi kweSuperSport United
neGolden Arrows uphele ebambene ngeqanda macala.

 

Pirates: Sandilands, Maela,
Jele, Nyauza, Motshwari, Mabaso, Pule, Makaringe, Dlamini, Mhango, Mabasa.

Amalalela: Mpontshane, Chabalala,
Mbekile, Mako, Mlambo, Mulenga, Shonga.

Maritzburg: Ofori, Xulu, Kunene, Morgan, De Reuck, Allie, Mngonyama, Claasen,
Shandu, Kutumela, Brockie.

Amalalela: Mpandle, Sanoka,
Moseamedi, Mekoa, Timm, Buchanan, Augusto.