kumdlalo obunzima oqiqindithe imizuzu elikhulu elinamakhulu amathathu. ICity iphumelele
ngo’4-2 kumapenela kumdlalo weTelkom Knockout obubanjelwe e-Orlando Stadium.
Amaqela ebenawo amathuba omabini – kodwa akakwazanga ukuwasebenzisa.
La maqela
mabini aye kwixesha lokuphumla ebambene ngamagowuli amabini macala.
ubumhle futhi ubaleka abadlali besebenzisa amendu kaRodney Ramagalela
obebabeleka emqolo qho abadlali bePirates kwicala lasekunene. URendani Ndou
ungcangcazelise umnatha kumzuzu wokuqala umdlalo uqalile. UNdou ufake ibhola
ngentloko emva kokuba efumene ibhola egotywe kakuhle kakhulu nguRamagalela
oshiye amadoda amabini ezizigede emva kwakhe kuquka noWayne Sandilands ozame
ukumvala.
Abuyise izitya
Amabhakaniya ngebhola efakwe nguNtsikelelo Nyauza. Njengokuba iPirates ikhethe
ukuqala umdlalo idlalisa uMusa Nyatama esiswini – kubonakala ngathi
iyisebenzele lo nto ngoba ukwazile ukudlala kakuhle kakhulu nooThabo Matlaba,
uThabo Qalinge noThembinkosi Lorch obekhe wahlala ngaphandle kokudlala ibhola
ngenxa yokonzakala. UNdou uphinde wafaka igowuli lesibini – khange kube mizuzu
mininzi kakhulu, uMpho Makola ufake elokulinganisa emva kokunikelwa ibhola
entle nguThamsanqa Gabuza.
Abadlali bePirates
babuye kwixesha lokuphumla behlaziyekile emzimbeni nasengqondweni kwaye
bekhangena indlela yokuqethuba iCity ebibambelele kakhulu kumagowuli wayo. ULorch
noGabuza bebeyintwibila kubadlali basemva
zisuka kwisigaba sesibini somdlalo. ULorch ubekwe phantsi ebhokisini ngumdlalo
wePolokwane City – kodwa uVictor Gomes akafunanga ukunika iPirates ipenela
ecacileyo. Lo nto khange iyityhafise kwaphela iBucs. Iqela
laseLimpopo liqale ukwenza into ebonakalayo ngebhola ebikhatywe nguJabu
Maluleka – obekhathaza kakhulu emdlalweni – kumzuzu wamashumi amahlanu anethoba.
UVusimuzi Mngomezulu udlale ngethuba emva kokunikelwa ibhola kakuhle
nguRamagalela kumzuzu wamashumi amathandathu anesithathu. UThabiso Kutumela,
uMakola noLorch bawafumene amathuba acacileyo okubeka phambili iBucs elawule
umdlalo kwisigaba sesibini – kodwa ibhola ukungena emnatheni. Kuyiwe kwixesha elongezelelweyo emva kokuba
kuphele ixesha ebelibekiwe kungekho elifuna ukoyiswa. Iphumelele kumapenela
iPolokwane City.
Komnye umdlalo,
iBidvest Wits ibethe iBaroka FC ngo’1-0 kumdlalo weTelkom Knockout obubanjelwe
eBidvest Stadium. UGavin Hunt, oqale kakubi isizini ngendlela emangalisayo,
angasebenzisa le ndebe njengeyona nto yokukhuthaza abadlali bakhe abaqale
kakubi isizini emva kokubamba indebe ephambili kwisizini edlulileyo.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile