Ifumene amanqaku apheleleyo i-Orlando Pirates emva kokubhulela amasaka iChippa United ngamagowuli amane kwamabini (4-2) emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obusemgangathweni ophezulu e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje. Umdlalo ophakathi kwala maqela mabini usoloko unika umdla ngamaxesha ngenxa yendlela ephucukileyo adlala ngayo ibhola – kodwa eyona nto ethe yagqama namhlanje kukufakwa kwamagowuli amathandathu onke emdlalweni omnye. Ezimnyama ziphumelele umdlalo wazo wokuqala namhlanje enyakeni omtsha emva kokudlala ntanganye neHighlands Park kwimpelaveki egqithileyo. Ngoku iPirates ishiywa ngamanqaku amabini kuphela yiBidvest Wits ephala phambili kwiPSL.
Umdlalo uvele watshisa zisuka. Imizuzu emithathu iphele iPirates seyibhalisile ebhodini emva kwegowuli elifakwe ngentloko ngumdlali wasemva uHappy Jele ofumene ibhola entle kuThembinkosi Lorch owayefudula edlalela iChippa United. nakubeni iBucs ibiwulawula umdlalo – kodwa abadlali beChippa khange bayekelele. Balwe bade bavuzwa ngegowuli elifakwe nguTebogo Tlolane. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala somdlalo, uDaniel Akpeyi ushiywe ethe natya phantsi yibhola yentloko efakwe nguPhetso Maphanga ngempazamo ezama ukunikela unozinti wakhe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ihamba phambili ngamagowuli amabini kwelinye leChippa.
Kwisigaba sesibini, iPirates ifake igowuli lesithathu ngenqina likaVincent Pule odlalwe kakubi nguGaona Modisane ngaphakathi ebhokisini. Naye u-Innocent Maela ufake igowuli ngempazamo yatsho yangu’3-2 ebhodini. Igowuli lokugqibela lifakwe nguKudakwashe Mahachi ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Idlale kakuhle iChippa United – kodwa ukuvuza kwayo nokungakwazi ukufaka amagowuli isezezona ngxaki ezibonakalayo kuyo. Isengxakini kakhulu ngoku ngoba ukubethwa kwayo kuthetha ukuthi isephakathi kwamaqela asemsileni kwiPSL emva kokungaphumeleli namnye umdlalo kwimidlalo elithoba edlulileyo.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party