Faf: Lenze iimpazamo iqela, kodwa lilwile

UFaf du Plessis uzivumile iimpazamo ezenziwe nguMzantsi Afrika obethwe yiNgilane emdlalweni wovavanyo eKapa kodwa uyivuyele indlela abalwe ngayo abadlali bakhe umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ukapteni weProteas, uFaf du Plessis, uzivumile iimpazamo ezenziwe liqela lakhe emdlalweni elibethiweyo kuwo, kodwa uzingomba isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe ngoogxa bakhe.

UMzantsi Afrika uvuthululwe yiNgilane ngemitsi elikhulu elinamashumi asibhozo anethoba (189) emdlalweni wovavanyo obuseNewlands Stadium, eKapa.

Iziphumo zomdlalo ogqithileyo zithetha ukuthi omabini amazwe aphumelele kabini kuchungechunge lwemidlalo yovavanyo esaya phambili.

Amakhwenkwe oMzantsi Afrika aye emdlalweni ngoLwesibini wale veki efuna imitsi engaphaya kwamakhulu amathathu, kodwa akakwazanga ukuyifumana ngenxa yeempazamo nokukelema kwawo amaNgesi emdlalweni.

Nangona kunjalo, uDu Plessis uya emdlalweni olandelayo enethemba emva komdlalo ophucukileyo weProteas.

Phakathi emdlalweni, uKapteni noQuinton de Kock baphise ngoothinti ababini bonke, into enike amandla iNgilane ebizimisele kakhulu emdlalweni ewuphumeleleyo kakuhle.

“Ukuphisa ngoothinti ababini ebaleni ebelisivumela kokona kwenze umahluko emdlalweni. Iqela lenze iimpazamo emdlalweni kodwa likwazile ukulwa kwelinye icala. Nakubeni kunjalo, ukuba ungajonga indlela ebesidlala ngayo kwisithuba senyanga ndingathi besingenalo tu ulwamvila.

Njengeqela elinabadlali abatsha kwimidlalo yovavanyo, kodwa kukhona ukuphucuka okubonakalayo emdlalweni wethu. Yeyona nto ethe yandonwabisa leyo kwezi ntsuku zimbini zidlulileyo. Ngeke igqibelele ngokukhawuleza indlela esiqhokra ngayo kwaye neempazamo ziseza kubakho kodwa kwimidlalo yovavanyo, umntu kufuneka abenomonde zide zilunge izinto,” utshilo uDu Plessis emva komdlalo eKapa.

Umdlalo olandelayo wovavanyo uya eBhayi ngomhla weshumi elinesithandathu. Owokugqibela uza kubanjelwa eGoli ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga.

Kulindeleke uMzantsi Afrika ulwe kube mdaka iisali ngoba uzama ukubuyisa isidima sawo emva kokukhululiswa ijezi kwakusasa kwiNdebe yeHlabathi kunyaka ophelileyo.