Fifa: Ubomi babantu phambili

epa08334962 (FILE) - View of the FIFA logo at the FIFA headquarters in Zurich, Switzerland, 29 October 2007 (re-issued on 31 March 2020). The world governing body FIFA will set up a fund to assist competitions and players which have run into financial trouble because of the ongoing coronavirus COVID-19 pandemic, media reports stated on 31 March 2020. EPA/STEFFEN SCHMIDT *** Local Caption *** 52651064

UMongameli wombutho
olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi (iFifa), uGianni Infantino, uthi into
ephambili embuthweni wakhe yimpilo yabantu kwaye yonke imibutho ephantsi kwawo
kulindeleke ihambisane ngqo nomkhankaso oqinisa iindlela zokhuselo ezikhutshwe
ngabezempilo. UGiani wongeze ngelithi iFifa izimisele ukuzixhasa nazo naziphi
na iinguqu eziza kuthi zichaphazele indlela ibhola ekhatywayo edlalwa ngayo
njengokuba kukho ikhorona. Imidlalo yonke, ngokwahlukana kwayo, iye yachatshazelwa
kakubi kakhulu kukuqhambuka kwekhorona, isifo esele yosulele abantu abangaphaya
kwezigidi ezibini yaze yabulala abangaphaya kwekhulu. Kwinyanga ephelileyo kuye
kwanyanzeleka okokuba imidlalo imiswe. Lo nto inyanzele ukwenziwa kweenguqu
kwimibutho efana neFifa ukuze ilungiselela nazo naziphi na iinguqu
ezinokulandela emva kwayo ikhorona. “Siza kusebenzisa imidlalo njengeqonga
lokukhuthaza abantu nokuqinisekisa okokuba ubomi babantu buhamba phambili,”
utshilo uGianni.

“Akukho
midlalo ekufanele ibeke esichengeni impilo yomntu. Kufanele icace lo nto kuye
wonke umntu. Ingakukungakhathali okwahluleyo nakuthi ukuba singathi abantu
mabaqhubele phambili nemidlalo ngoku kusenje. Yonke into kufuneka ime side
siqiniseke okokuba kukhuselekile. Kungcono silinde ixesha elide kunokubeka
ubomi babantu engxakini. Kubalulekile ke ukusebenzisa ibhola njengesixhobo
sokuxhobisa abantu ngemiyalezo yezempilo,” utshilo uMongameli weFifa. “Siyavuya
ngoba iFifa ikwazile ukulungiselela umhla kaxakeka ngokuthi izibekele imali
engxoweni yabucala kwiminyaka edlulileyo. Imali ke ayisiyoyethu; yonke (imali
ekhoyo) yeyemibutho ephantsi kweFifa. Xa kukho ingxaki enje ngale, kungumsebenzi
wethu ukungenelela,” utshilo uGianni owongeze ngelithi uqinisekile okokuba
ibhola ekhatywayo iya kuhlala iyeyona nto iphambili ehlanganisa abantu
ndawonye. Abantu abosulelwe yikhorona eMzantsi Afrika bangamawaka amabini
anamakhulu amathandathu anesihlanu (2,605). Sekubhubhe amashumi amane
anesibhozo (48) kwaphila amakhulu alithoba anesithathu (903).