Frosler: Ndikulungele ukudlalela iChiefs

Umdlali omtsha weKaizer Chiefs, uReeve Frosler, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi uza kulinceda iqela lakhe elitsha lide liyifumane indebe.

UFrosler ebekade edlalela iBidvest Wits – kodwa uye watyikitywa yiChiefs kwiveki ephelileyo ngoLwesine.

“Eli lithuba elikhulu kakhulu kum kwaye ndifuna ukuthi lifike ndikulungele ukudlalela iChiefs. Ndikhulile ngoku kwaye ndifuna ukuva ukuba kunjani ukudlalela iChiefs. Ndifuna ukuphumelela iindebe kwiChiefs kwaye ndizimisele ukwenza ngako konke okusemandleni am,” utshilo uFrosler.

Kulindeleke uFrosler akhuphisane nabadlali abafana noKgotso Moleko noRamahlwe Mphahlele ephikweni lasemva ekunene.