Fuleni: Sifuna iPirates igqugqise i-Afrika kwakhona

Umlandeli we-Orlando Pirates uSizwe Fuleni

Abanye babalandeli abanefuthe kwibhola ekhatywayo ngenxa yembali yeqela labo ngabe-Orlando Pirates. Kule veki I’solezwe lincokole nomlandeli omkhulu wayo ozingomba isifuba ngayo nokuba uphi na.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile bhuti wam, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Siyakwamkela kwiphephandaba labantu. Ngokufutshane, ungubani Mhlekazi?

Umlandeli: Ndiyalibulela kakhulu eli thuba. Igama lam ndinguSizwe Fulani. Mna ndizalelwe eTinarha, kwindawo ekuthiwa kukwaNobuhle – kodwa ngoku ndihlala apha ePhilipi, eKapa.

PM: Lusuka phi uthando lwakho lwePirates, Mhlekazi?

Sizwe Fulani: Laqala kudala bhuti. Andisakhumbuli ncakasana unyaka – kodwa ndandibukele idabi lePirates neKaizer Chiefs. Ndandingumlandeli njee ngoko, kodwa emva kokuphumelela kwayo iPirates kula mdlalo ndayithanda. Ndisakhumbula uJerry Sikhosana yayinguye owayefaka amagowuli, kwiChiefs yayinguDavid Modise.

PM: Yahluke njani kwamanye amaqela iPirates?

SF: YohiPirates inembali etyebileyo. Ilandela emva kweMoroka Swallows. Kubalulekile ke xa ungumlandeli uyazi lo mbali eyahluke ngayo kwamanye, futhi uyazi apho isuka khona. Liqela elidala kwaye libalulekile kwibhola yelizwe.

PM: Ngoobani abadlali obathandayo?

SF: Oyena mdlali obe ndimthanda kakhulu nguDaine Klate noKermit Erasmus ngoba basuka endaweni yam iNelson Mandela Bay Metro. Kodwa ngaphandle kwalo nto, ngabadlali abasebenza ngokuzimisela kakhulu futhi abadlaleli ukugqamisa iziqu zabo xa bedlala.

PM: Ulindele ntoni kwiBucs kule isizini?

SF: Ndilindele umqeqeshi athathe iqela alibeke nokuba kukwindawo yesithandathu xa kuphela le isizini. Ndiyamthemba umqeqeshi, uza kuyitshintsha iPirates. Sifuna igqugqise i-Afrika kwakhona.

PM: Enkosi Mhlekazi!