Gqirha Mthombeni: Umelana njani noxinizelelo leKhorona?

UGqirha Musa Mthombeni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ngenxa
yokunqunyanyiswa kweentshukumo zoluntu noshishino nguRhulumente kwiinyanga
ezigqithileyo, abantu abaninzi baye bagutyungelwa ngumvandedwa. Izigidi zabasebenzi ziye zacuthelwe imivuzo, abanye abakwazanga kwa ukuyifumana imivuzo kuba bezisebenzela kanti
abanye balahlekelwe yimisebenzi. Yonke lo nto idale ukungonwabi ebantwini
abaninzi. Amaziko anceda abantu ngentuthuzelo yomphezulu axakeke kakhulu
ngeli thuba lekhorona, eyenze idemesha enkulu kuqoqosho lwehlabathi nasentlalweni
yoluntu. I’solezwe lesiXhosa lincokole noGqirha Musa Mthombeni – osebenzisana noMetropolitan
kwiphulo labo lokuqinisa abantu kwezemidlalo elijikeleza ilizwe lonke. “Ukungazi
indlela oza kubhatala ngayo amatyala, ukungazi apho uza kufumana khona umvuzo – zizinto ezo ezenza umvandedwa ebantwini. Xa umqeqeshi esithi akazu kwazi ukunika (umsebenzi)
umvuzo wakhe kuba ungayikhabanga ibhola okanye ungakwazanga ukuvelisa; lo nto
ibafaka phantsi koxinizelelo kakhulu abantu,” utshilo ugqirha Mthombeni.

“Into
ekufuneka uyazi yile: Awukho wedwa kwimeko okuyo. Ukuba ayikho enye indlela
onokuzenzela ngayo imali, kuya nyanzeleka ucinge ngolunye uhlobo. Kufuneka
kubekho indlela onokuguqula ngayo imekho okuyo. Kubalulekile ukwenza lo nto
ukuze ingqondo yakho ingabulaleki sisimo esikhoyo. Funda isakhono esitsha ngeli
thuba ngoba oko kungakuvulela amathuba amatsha okwenza imali. Ingqondo kufuneka
isebenze ngendlela efanelekileyo futhi ihlaziywe ukuze ingaqheli ukusebenza
ngendlela enye ngoba lo nto ichaphazela indlela obuhamba ngayo ubomi bomntu
ngamnye. Kufuneka abantu bacinge okuhle ngoba oko kubanika amandla ebomini,”
uvale ngalo mazwi ugqirha Mthombeni. Phantse yonke imidlalo iphazamisekile
eMzantsi Afrika kwinqanaba elisezantsi neliphezulu. Kodwa likhona ithemba ngoba
imidlalo efana neqakamba, igalufa neminye edlalwa ngabantu abangasondelelaniyo
inikwe ilungelo lokudlalwa kwakhona. Imidlalo efana nebhola ekhatywayo
namanqindi ingabuya yona kwiinyanga ezizayo noxa kuthiwe abadlali bangabuyela
ezinkampini zabo.

“Iphulo
lethu lijoliswe ebantwini ukuze bakwazi ukumelana neengxaki ezidalwe
kukuqhambuka kwekhorona. Abantu baseMzantsi Afrika bajamelene neengxaki
ezinkulu kwaye siqonda kakuhle okokuba ubomi abusoze bufane nakuqala,” utshilo
uNtokozo Madonsela oligosa likaMetropolitan.