Gxowa: Ndinethemba leChampions League

Bongani Gxowa

Emva kokuphoswa ziindebe ezintathu kule sizini, kodwa umlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns usenalo ithemba lokuzuza indebe.

I’solezwe lesiXhosa lincokole Bongani Gxowa, usichubele ngendlela awaqala ngayo ukulandela iDowns neyona nto alindele yenzeke kwiqela lakhe phambi kokusongwa kwesizini.

Nondwe Tyilo: Ulandela eliphi iqela kwiPSL?

Bongani Gxowa: Iqela endililandelayo yiMamelodi Sundowns.

NT: Watsalwa yintoni apha kuyo?

BG: Ndatsalwa yindlela edlala ngayo iSundowns. Ngela xesha, umqeqeshi yayinguScreamer Tshabalala owaduma ngePiano neShoeshine.

NT: Ngubani umdlali omthandayo kwiSundowns?

BG: NguThemba “Mshishi” Zwane ngokuba samthatha kwiqela elincinci engaziwa kodwa ngoku nguye onceda iDowns idlale le bhola siyaziyo. Ndilindele ukuba abe ngumdlali ogqamileyo wonyaka.

NT: Iqela lakho lidlala kakuhle kwiPSL nakwiCAF, ingaba uziva njani?

BG: Indivuyisa kakhulu indlela eliqhuba ngayo kwimidlalo yeChampions League ngokunjalo nakwiPSL.

NT: Yeyiphi indebe onethemba layo kwezi zishiyekileyo?

BG: Ndinethemba leChampions League ngokuba sidlale kakuhle kwimidlalo yangaphandle. Umqeqeshi wethu, uPitso Mosimane uyazithanda iindebe ezinkulu; yinto ayithetha umhla nezolo kubadlali beDowns.

NT: Iqela lakho liphume msinya kwiNedbank Cup, ingaba uziva njani?

BG: Zange yandikhathaza mna into eyenzekayo; into endayivuyelayo kukuba enike abanye abadlali bethu ithuba lokuzibonakalisa ebaleni. Ngenene benza njalo nangona bengazange baphumelele. Abanye batsho basinda emidlalweni emininzi abayidlalayo.