Habana: uCoetzee ufanelekile kwisikhundla seSpringboks

Akakagqibi neveki ebekwe ngokusesikweni njengomqeqeshi weSpringboks, uAllister Coetzee, kodwa sele ejongene nemiceli mngeni ethile, kuquka nabo bamgxekayo ngokulungela kwakhe ukuba ngumqeqeshi weSpringboks.

Umdlali omdala, nonamava kwiSpringbok uBrian Habana usenethemba lokudlala indima phantsi kwesandla sikaCoetzee. Lo msebenzi wokuba ngumqeqeshi weSpringbok uwucacise njengowona unzima kumbhoxo wehlabathi.

“Andiqondi ukuba ukhona omnye umntu ebefanelwe ngulo msebenzi,” utshilo uHabana.

“Indlela awuqonda ngayo umbhoxo welizwe loMzantsi Afrika kunye nezinye izinto ezibandakanyekayo ibalulekile. Eli lixesha elibuthathaka kumbhoxo waseMzantsi Afrika.”

UCoetzee uyibethelele into yokuba kubalulekile ukuqwalasela imidlalo emithathu yovavanyo phakathi koMzantsi Afrika neIreland. Le izakuba yimidlalo yokuqala yeSpringbok phantsi koqeqesho lukaCoetzee. UHabana uyivelele nento yokuba kufuneka basebenzele ukufumana indebe yehlabathi ka2019.

“Imayelana nokukhuliswa kwetalente ukubheka phambili. Njengokuba silungiselela ukuya ku2019, kuzakufuneka ahlangabezane neemfuno ezithile ingakumbi umba wokudlaliswa kwabadlali abamnyama.

Uzakudinga ukuba le talente iqwalaselwe kwiCurrie Cup nakwiSuper Rugby, phambi kokuba aba badlali badlale kwiqonga eliphezulu,” utshilo uHabana.

UHabana ukhe wachitha ixesha elininzi phantsi kukaCoetzee, ngonyaka ka2007 ngelixa uCoetzee wayelisekela mqeqeshi likaJake White. Basebenzisene kakhulu ngelixa uCoetzee ekwiStormers nakwiWestern Province.

“Nabani na ofumana umsebenzi wokuba ngumqeqeshi weSpringbok uyayazi ukuba luninzi uxanduva oluza nalo msebenzi ngaphandle kakokuqeqesha nje kuphela, ingakumbi uCoetzee.

Uhambe indlela ende kakhulu, phambi nasemva kwenkqubo yengcinezelo. Kudala ebamba izikhundla ezithile embhoxweni,” utshilo uHabana.