Halalaaaa, iZambia ziintshatsheli!

Zambia players celebrate lifting the Trophy during the 2017 Total Zambia U-20 African Cup of Nations Final match between Zambia and Senegal at Heroes National Stadium, Lusaka Zambia on 12 March 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kuyimivuyo, kungamayeyeye eZambia namhlanje emva kokuba iqela lesizwe labadlali abasakhulayo liphumelele i-2017 Under-20 Africa Cup of Nations. Oku kwenzeke emva kokuba iiChipolopolo ezisencinane zibethe iSenegal ngo’2-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi obunzima kakhulu eNational Heroes Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Ilizwe laseZambia liye kulo mdlalo wamagqibela kanqoyi emva kokubetha uMzantsi Afrika ngo’1-0 ngoLwesithathu odlulileyo. Iintshatsheli ziswantsulisene kumdlalo wokugqibela neSenegal edlale kakuhle kule tumente ebethe iGuinea ngoLwesine.

Ngokufanelekileyo, iZambia ikufanele ukuqhwatyelwa izandlala emva komsebenzi omhle ewenzileyo kolu khuphiswano, ukusukela kumdlalo wokuqla ukuza kulo wokugqibela, idlale ngokuzimisela okukhulu. Kumdlalo wanamhlanje iZambia itsazise igazi kuqala ngebhola efakwe nguPatson Daka. Ngomzuzu wamashumi amathathu anesihlanu, u-Edward Chilufya, ufake igowuli lesibini leZambia.

Kuyiwe kwixesha lokuphuma ilizwe ebelidlalela ekhaya lihamba phambili ngo’2-0. Kwisiqingatha sesibini iSenegal izame yancama kwicala lokufumana igowuli yaphela isifa namthanyana. Ngoku iZambia izakukhokela amaqela afana noMzantsi Afrika, iSenegal neGuinea kwindlela eya kwi-2017 Under-20 Fifa World Cup ezakube iseKorea kulo nyaka.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, Amajita, alikwazanga ukufuma indawo yesithathu kule Afcon emva kokubethwa yiGuinea ngo’2-1 kumdlalo obuseNational Heroes Stadium phambi komdlalo wokugqibela wale Afcon namhlanje. Nangona Amajita kaThabo Senongefake igowuli kuqala emdlalweni – kodwa akakwazanga ukubambelela kulo ixesha elide. IGuinea ifake amabini athe ayinika imbasa yeBronze ekupheleni kwetumente ye-Afrika. Abaphathi beSafa bayayivuyela inkqubela eyenziwe ngaMajita ngoba bakubona oku njengento ehambelana ngqo nesicwangciso sabo iVision 2022.