‘Hlala uyijongile iSundowns’ – Nonzaba

Bongeka Nonzaba

I’solezwe lesiXhosa lihleli phantsi negqiyazana laseMpuma Koloni eliyithanda ngendlela emangalisayo ibhola ekhatywayo. Le ntokazi isibalisele ngokushiya kwayo Amakhosi isiza kwiMamelodi Sundowns.

Pedro Mapelo: Molo sisi, unjani?

Umlandeli: Ewe Bhuti. Ndiphilile, unjani wena?

PM: Kuhle sisi wam. Siyakwamkela kweli phephandaba labantu.

Umlandeli: Ndiyabulela kakhulu Bhuti.

PM: Ngokufutshane nje, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguBongeka Nonzaba. Ndihlala eMdantsane kwaN.U.6 nomntwana wam kunye nomama wam. Ndizithandela ibhola kakhulu, xa ndisekhaya ndingumntu othanda ukufunda iincwadi.

PM: Kutheni wakhetha iMamelodi Sundowns?

Bongeka Nonzaba: Eeh..Ndakhula ndilandela iKaizer Chiefs kuba ekhaya kwakulandelwa yona. Kuthe phaya ngo2004 zatshintsha izinto, utata womntwana wam nguye owandifaka kwiDowns. Ukusukela ngoko, zange ndibuya ngamva. Ekhaya sendaba fundisa ngebhola nokulandela ibhola ekhatywayo. Ndiyayithanda iSundowns ngenxa yendlela eyenza ngayo izinto. Enye yezinto yindlela eyidlala ngayo ibhola – iyonwabisa kakhulu.

PM: Emva kwesizini ebintle ka’2015/16, unethemba lantoni kule isizini?

BN: Into endingayithetha mna bhuti kukuthi hlala uyijongile iSundowns. Andifuni ukuthi indebe yePSL sele iyeyethu. Kodwa ndingatsho ukuthi kuninzi okuzayo. Yiyo lo nto sisithi: “The Sky is the limit”.

PM: Ngubani umdlali okanye abadlali obathandayo?

BN: Kukho lo mdlali wethu mtsha ogama linguFares Hachi, ize ibenguThemba Zwane, omnye umdlali ngu-Anthony Laffor – abo badlali ndibathanda kakhulu. Kunzima ukuthi ngowuphi oyena mdlali ngoba badlala kakuhle bonke.