Hlalani emakhaya, utsho owoyise ikhorona!

UCecilia Molokwane weNetball South Africa uyouisile iKhorona ngoku ulumkisa abantu.

UMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, uthi abantu baseMzantsi Afrika mabayithathele ingqalelo intsholongwane egubungele ihlabathi lonke ekuthiwa yikhorona (Covid-19) emva kokuphuncuka kuyo.

Kwaye kwanyanzeleka okokuba uMolokwane azivalele endlini yedwa iiveki ezimbini zonke emva kokufunyanwa kwechaphaza lekhorona kuye kwinyanga ephelileyo.

Oku kwenzeka emva kohambo lwakhe lwaseYurophu – apho wayezimase iintlanganiso zombutho olawula umdlalo womnyazi. Phambi kokuqala kwale veki, umongameli weNetball SA uye waphuma eluvalelweni emva kokuyoyisa ikhorona.

“Emva kokufumana iziphumo zam zovavanyo, ugqirha uSam Manthata nomphathiswa wezempilo eLimpopo, baye bandiyalela okokuba mandihlale ndodwa ndide ndenze olunye uvavanyo. Yinto engalulanga yokuhlala wedwa – kodwa yinto ebalulekileyo xa ufuna ukusindisa abantu abasondeleyo kuwe. Bekunzima nokudibana nomntana wam; kunyanzelekile ke kodwa umntu azikhethe ngoba intsholongwane ayihambi. Into ehambayo ngabantu,” utshilo uMolokwane.

Abantu abahlaselwe yikhorona bangaphaya kwesigidi kwihlabathi kanti ababhubhileyo bangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka.

EMzantsi Afrika kubhubhe ishumi elinesithathu kubantu abasukela iwaka elinamashuasixhenxe abosulelweyo ekuqaleni kweveki. Kuyo yonke lo nto seyenze kwihlabaathi nalapha eMzantsi Afrika, kusekho abantu abangayikhathalelanga imiyalelo yabezempilo.

“Ikhorona iyingozi. Ndiyabona abantu abayikhathalelanga; iyandixhalabisa kakhulu lo nto. Ndiza kuqhubela phambili nokuyihlonela imiyalelo.

Ndifuna ukubulela bonke abandixhasile. Ikhorona ayikhethi bala lamntu futhi ayikhathali nokuba ukweyiphi inkolo. Ukuze ukhuseleke, hlala ekhaya,” utshilo uMolokwane emva kokuba uvavanyo lwesibini lubonise ukungabikho kwentsholongwane emzimbeni wakhe.

Omnye wabantu abaziwayo othe wangeniswa esibhedlele ngenxa yekhorona ibe ngusosiba weSaftu, uMnu. uZwelinzima Vavi, oye wagoduka emva kosuku olunye.