Hugo Broos: Kufuneka sizive amandla kwiMorocco

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo lamkela iMorocco emdlalweni omkhulu ohlakulela iAfrica Cup of Nations oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo. Omabini la mazwe aya emdlalweni wangempelaveki kungekho luxinizelelo kuwo ngoba sele enazo iindawo kwiAfcon esekuqaleni konyaka ozayo e’Ivory Coast. Nakubeni kunjalo, uHugo Broos ufuna aBafana Bafana bavavanye amandla wabo kwiMorocco enabadlali abasemgangathweni ophezulu. Emdlalweni wokuqala, iMorocco yawubetha ngamagowuli amabini kwelinye uMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo.

Njengokuba kusiyiwa kwiAfcon kunyaka ozayo, uBroos usakhengela iqela aza kuya ngalo kwitumente enkulu kwizwekazi le’Afrika. Eli lithuba lakhe lokujonga abadlali abanokuthembela kubo. “Ukuvavanya amandla wethu kwiqela elinabadlali abafana nabeMorocco kubaluleke kakhulu. Nokuba sibethiwe akukho ngxaki – kodwa sifuna ukudlala kakuhle ukuze siye kwiAfcon siyilungele,” utshilo umqeqeshi waBafana Bafana ekuqaleni kwale veki.

Sekuthengiswe amatikiti aqabele ngaphaya kwamashumi amane amawaka. Abalandeli bebhola abaninzi baza kuya eFNB Stadium befuna ukubona iziqwayi zabadlali beMorocco abothuse ihlabathi lonke ngokoyisa amazwe amakhulu kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eQatar ekupheleni kuka-2022. Phakathi kwabadlali aza kuthembela ngabo uBroos kukho uPercy Tau oncede iAl Ahly yaphumelela indebe yeCAF Champions League kwiveki ephelileyo noRonwen Williams. Ifika kamnandi iMorocco ephilile uTau ngokungafaniyo nakunyaka ophelileyo obumphethe kakubi kakhulu.

UMzantsi Afrika awusenalo ixhala emva kokubetha iLiberia ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obukwinyanga yoKwindla kulo nyaka. UWilliams uxelele iintatheli ukuba abadlali beqela lesizwe bayamkela indlela kaBroos yokwenza izinto futhi neziphumo ziya kungqina oko. “Ikhona into esiyakhayo ebonakalayo. Siphulukene nemidlalo emithathu qha phantsi komqeqeshi wethu. Abantu abathethi ngaleyo into. Siqhube kakuhle, abantu mabayincome lo nto,” utshilo uWilliams okhokela iqela lesizwe. Emva kwemidlalo eshiyekileyo kuGroup K, nguMzantsi Afrika neMorocco eziya kwiAfcon kunyaka ozayo.