Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo uthi nangona ebezifuna iziphumo ezihle emdlalweni ogqithileyo – kodwa bezingabalulekanga kakhulu kuye. UHugo Broos ukuthethe oku emva kokuba aBafana Bafana bebambene ngeqanda macala neNamibia emdlalweni wokucweya obubanjelwe e’Orlando Stadium emalanga ngoMgqibelo. Ngabadlali abafana noVeli Mothwa, uKomamelo Kodisang noLebo Mothiba abanikwe ithuba elinqabileyo lokuqala umdlalo okokuqala phantsi kukaHugo Broos. Ukudlala neqela lesizwe lasebumelwaneni yenye yeendlela zokulola aBafana Bafana abalungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations (Afcon) esekuqaleni konyaka ozayo.
“Ubunika umdla wona umdlalo. Phambi kokuqala komdlalo, besithe siza kunika ithuba lokudlala abadlali abatsha ukuze sibone into abangeyenzela iqela lesizwe. Yeyona nto ebiphambili kuthi kulo mdlalo,” utshilo uBroos emva komdlalo eSoweto. Emva kokuba aBafana Bafana bebethe iMorocco ngo’2-1 emdlalweni owawubukelelwe ngamawaka waka eFNB Stadium kwiinyanga ezigqithileyo, abantu abaninzi bebelindele bayibethe iNamibia ngaphandle kokusokola. Akubanga njalo. UMzantsi Afrika uzame ngazo zonke iindlela – kodwa yala kwaphela iNamibia.
“Iziphumo ezihle ibiyinto esingayibekanga phambili – kodwa xa ndithetha inyaniso, ngekungcono ukuba besiwinile ngoba besilelona qela elidlale umdlalo ongcono ebaleni. Kwisigaba sokuqala ukhe awadibana kakuhle umdlalo wethu ngenxa yabadlali abatsha abangaqhelananga kakuhle nabanye. Kodwa ekupheleni kwaso bendonelisekile. Okubaluleyo kum ibe kukunikwa ithuba kwabadlali abatsha ukuze sibone into abangayenza. Bonke abadlali kufuneka badlalela iqela, hayi umqeqeshi. Siza kuhlala phantsi singabaqeqeshi sijonge indlela abadlale ngayo abadlali abatsha,” utshilo uBroos. UMzantsi Afrika uza kudibana neDemocratic Republic of Congo komnye umdlalo wobuhlobo e’Orlando Stadium ngomso.
ABafana Bafana bayingombe yanaba iCongo Brazzaville, eGqeberha!