Huntshu MaGlug-Glug

Unozinti weqela
lesizwe AmaGlug-Glug uJody February ube liqhawe lesizwe ngokuhlwa ngoMgqibelo,
oku kusemva kokuba ebambe iipenalithi ezintathu ezincede abafana bakaOwen Da
Gama ukuba bafumane indawo kwimidlalo yee-Olimpiki ezakuba iseBrazili
kunyaka
  ozayo.

 UMzantsi Afrika ubethe
iSenegal ngamagowuli amathathu kwelinye kwiipenalithi. Lo mdlalo uze kwesi
sigaba emva kokuba kungakhange kubekho qela ligoba uphondo, kimizuzu
engamashumi asithoba kudlalwa. La maqela omabini ebesilwela indawo yesithathu
kwimidlalo yeCAF.

UFebruary nongunozinti
we-Ajax Cape Town, uye wabamba ipenalithi
kwixesha elongeze lelweyo, wabuya wabamba zantathu xa bekukhatywa iipenalithi
emva kokuphela komdlalo. Impumelelo yabo ithetha ukuba bazibandakanya kunye
neNigeria ne-Algeria kwimidlalo yaseRio kunyaka ozayo.

 Eli tyendyana
lineminyaka elishumi elinethoba, libonakalise ukwethuka yindlela elidlale
kakuhle ngayo. “Ndiyabulela ngayo yonke imiyalezo evuyisana nam, bendifuna nje
ukuba negalelo nam kwiqela. Andiyiyo incutshe yokubamba iipenalithi. Nangoku
ndothukile ndixakwe nokuba mandithini, ndonwabile.

“Sibonakalisile ukuba
ngokuzinikela, nothando lo mdlalo wethu singaphumelela izinto eziliqela
singabemi beli loMzantsi Afrika. Esi sisiqalo esihle kwizinto ezizayo.”

 Umqeqeshi weliqela uDa
Gama uthe abafana bakhe bebezimisele ukwenza imbali,ngokuba bakwazi ukuya eRio
kunyaka ozayo. UMzantsi Afrika wagqibela ngonyaka ka2000 ukuba ubeneqela
lesizwe elidlala kwi-Olimpiki. Neqela lesizwe labasethyini iBanyana Banya lizakube
likhona kwimidlalo yaseRio.

 “Sibene thamsanqa
kakhulu kulo mdlalo, kwaye aba bafana balwile kakhulu kuyacaca ukuba xa usilwa
ngamandla uba nentlahla kakhulu,” utshilo uDa Gama.

“Ukubalulekanga ukuba
uqale njani, kodwa kubaluleke indlela othi ugqibe ngayo. Ndicinga ukuba sibe
nentlahla kodwa sisebenze nzima ukufumana le ntlahla. Ndivela ubuhlungu
iSenegal.