Huntshu Mamelodi Sundowns!

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, Pitso Mosimane, uphakamisele phezulu izandla zakhe njengophawu loloyiso le- qela lakhe ngempelaveki. Kwangaxeshanye abalandeli abebephume ngobuninzi bacule ingoma yabo ethi:

“Ka bo Yelo, hay hayi, Ka bo Yelo.” IDowns ibethe iPlatinum Stars ngo’1-0 emva kwegowuli elifakwe nguKhama Billiat kumdlalo wokugqibela eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. “Amakhwenkwe am ziintshatsheli,” utshilo uPitso.

Eli qela lasePitoli libhiyozele impumelelo yalo emva kokuphumelela indebe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Kule impelaveki idlulileyo iDowns ikrwabaze imbali eyenziwe yiKaizer Chiefs kwisizini ka’2014/15 eyayiphumelela ngamanqaku angamashumi amathandathu anesithoba.

Yona iSundowns iphumelele ngamashumi asixhenxe ananye amanqaku. Njengomntu obesebenza nabadlali bebonke, uPitso, unoluvo olwahlukileyo kwabanye abantu abacinga ukuba indebe ize ngenxa yeCBD [Leonardo Castro, Khama Billiat]. “Ziintshatsheli zokwenene abadlali bethu.

Ukusukela ekuqaleni, eli qela ligxile kwinto efanelekileyo kwasekuqaleni. Asizange sajongela phantsi nelinye iqela. Bekungekho lula. Siwudlale kakuhle umdlalo futhi safumana igowuli.

Elinjani lona igowuli elifakwe nguKhama. Indlela awasike ngayo amadoda yinto ayenza ngamaxesha onke,” utshilo uJingles. Elinye lamajoni kaPitso elithembekileyo uHlompho kekana lidlale kakuhle kakhulu lade lazuza iwonga njengoyena mdlali oqaqambileyo.

“Ndiyamvuyela uKekana, ufumene iwonga. Yimini entle kakhulu kuthi. Abantu bacinga ukuba abadlali abafana naba beCBD baxhomekeke kwizakhono zabo qha, basebenza nzima. Nantso into ebalulekilyo kuthi,” utshilo uPitso . Iyisonge njalo iSundiwns isizini eyiqale kakubi kwade kwacaca ukuba nomqeqeshi angahamba ngenxa yabalandeli ababengamfuni.