Kugqityiwe,
iMamelodi Sundowns ziintshatsheli ezintsha ze-Absa Premier Soccer League! Kwakhona,
Amasandawana abhale iincwadi zembali yebhola yelizwe loMzantsi Afrika ngokutsha
namhlanje ngokuthi aphumelele indebe yePSL ityeli lesibhozo kusashiyeke umdlalo
omnye. ISundowns ibe ziintshatsheli ezivunyiweyo kwakhona emva kokubetha i-
ngo’3-1 kumdlalo obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.
Bekulindeleke ukuba iwuququmbele umsebenzi wayo iDowns kumdlalo odlulileyo –
kodwa ngelishwa layo, iMaritzburg United yagqiba kwelokuba iyimise yonke
iminyhadala yemibhoyozo emva kokuba umdlalo waye waphela ebambene ngo’2-2 amaqela.
Ibhakuzelise
umnatha kuqala i-Ajax ngegowuli elihle elifakwe nguKapteni, uMosa Lebusa,
kumzuzu wesithathu kwisigaba sokuqala. Lo nto ibaxhokonkxile abadlali beDowns
ngoba bakhawuleze benza iinzame. Khange kube kudala, urhasatsha womdlali,
uKhama Billiat, ungcangcazelise umnatha – yatsho yangu’1-1 ebhodini. Igowuli
leDowns linike amandla angummangaliso ngoba ityhale ngamandla. Emva kokuwiswa
kukaBilliat ngaphakathi ebhokisini – uRicardo Nascimento ubeke emnatheni
igowuli lesibini ngepenela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns ikhokela ngo’3-1,
uSibusiso Vilakazi efake elesithathu emva kokufumana ibhola entle kuThemba
Zwane.
Impumelelo yeSundowns
namhlanje ithetha ukuthi iphumelele indebe yePSL ityeli lesibhozo, ngaphezulu
kuwo onke amaqela ukusukela mhla yasungulwa ngo’96. Ngoku amakhwenkwe
kaPitso Mosimane aya kumdlalo wokugqibela kungekho nto ayidlalelayo ingako
ngaphandle kokuqinisekisa ukuba ayivala isizini ngendlela encomekayo. Iminyaka iSundowns eyiphumelele ngayo
indebe yePSL ngokulandelelana kwayo: 1997-98, 1998-99, 1999-00, 2005-06,
2006-07, 2013-14, 2015-16,
2017-18. IMamelodi Sundowns izibonakalisile kwakhona ukuba ingomakhonya kwibhola yelizwe nakwizwekazi le-Afrika – apho idlala imidlalo yeCaf Champions League.
Mamelodi Sundowns:
Onyango, Langerman, Morena, Madisha, Nascimento, Mabunda, Billiat, Vilakazi,
Kekana, Zwane, Tau.
Amalalela: Mweene, Mbekile, Manyisa, Soumahoro, Zulu, Brockie,
Laffor.
February, Kammies, Booysen, Lebusa, Nhlapo, Kabwe, Nel, Margeman, Zakri,
Losper, Lakay.
Amalalela: Petersen,Pietersen, Malepe, Sasman, Takwara, Morris,
Julies.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!