I-Africa Bike Week iza eMonti

Umasipala ombhaxa waseBuffalo City kulindeleke uzuze lukhulu ngokoqoqosho kunyaka ozayo, xa uzakube usindleka okokuqala iHarley Davidson Africa Bike Week.

Lo msitho nekulindeleke ukuba ubanjelwe eMonti, phambi kolwandle, kwaye uzakuthatha isithuba esingaka ngeveki, kuTshazimpuzi wonyaka ozayo.

Usodolophu womasipala iBCM, uXola Pakati uthe: “ Thina nje ngesixeko iyasonwabisa into yokudityaniswa nomnyhadala okumila kunje. Ukhenketho lwalapha luyaziwa kakhulu ngendlela eluphatha kakuhle ngayo abatyeleli, kwaye sikulungele ukusingatha imisitho ekumgangatho ophezulu.”

Kulindeke iindwendwe ezingaphaya kwamashumi amathandathu amawaka, kwakunye nezithuthuthu ezingamawaka alishumi elinesibini.

Lo msitho ubusoloko ubanjelwa eMargate, eThekwini kwiminyaka edlulileyo.

Abaququzeleli bamamele iingcebiso zabalandeli abathe bangathanda ukuwubona kwenye indawo kunyaka ozayo.

Omnye wabaququzeleli balo msitho uyancoma uthi amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu.

“ Izinto zihamba kakuhle kakhulu kwaye sihambela phambili kunendlela esicwangcise ngayo, Sincedisana noZola Khondlo wenkampani i-SKA ukuqinisekisa ukuba lo mcimbi uzakuba yimpumelelo. Sikhangela neendlela zokuthetha namaziko osasazo ukuze lento bayazi abantu kwangethuba,” utsh Carl Frayne ongumququzeleli ophambili we-Africa Bike Week

IHarley Davidson ikwiphulo lokufaka nabantu abamnyama kumdlalo wokubalekiswa kweebhayisekile nezithuthuthu. Ayiphelelanga nje kuba balekisi balapha eMzantsi Afrika, kulindeleke nabaninzi abaqhubi abasuka kumazwe aphesheya kolwande.

“ Umsitho uqala ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpunzi, ukuya kumhla wamashumi amathathu, yonke lento izakuba isenzeka eBeachfront,” utsho uFrayne.