I-ANCYL ayizokuphazamisa kwimidlalo yeSpringboks

Umbutho olawula umbhoxo eMzantsi Afrika, i-SARU ubambisene ne-ANCYL babhengezile ukuba izicwangciso zokuphazamisa imidlalo yovavanyo yeSpringboks ziyekiwe emva kokuvana kwale mibitho.

Unobhala we-ANCYL uNjabulo Nzuza uthe nangona umbhoxo usenomsebenzi omninzi ekufuneka uwenzile, umbutho wakhe wanelisekile ziinjongo nokuzimisela kweSARU ukumamela izikhalazo zabo.

I-ANCYL ithethe ne-SARU mayela nezikhalazo zayo ngokungabikho kweenguqu kwiqela lesizwe lombhoxo.

“Le nto ngumcimbi obaluleke kakhulu ingakumbi kulutsha, kwaye besikhangela iimpendulo,” utshilo uNzuza.

“Emva kokuba sithethile mayelana nendlela izinto ezime ngayo kumbhoxo weli, siye saqinisekiswa ukuba i-SARU nayo iwuqwalasele ngamandla lo mcimbi kwaye izimisele ukuguqula izinto.

“Siqwalasele nokuba abadlali abakhoyo ngoku kwiSpringbok babonakalisa utshintsho olwenziwayo, uTeboho Mohoje ubhengezwe njengekapteni yeSA “A” Team ebutsheni bale veki.”

Ngokwengxelo ye-ANCYL i-SARU icacisile apho sele yenze khona inkqubela phambili, kwaye umbutho wolutsha uvakalise iinjongo zawo zokuxhasa iSpringboks kule midlalo mithathu yovavanyo, ungaphazamisi imidlalo.

UKhaya Mayedwa ongumphathi wemicimbi ejongene norhulumente kwiSARU uthe: “Sithethe ngendlela evanayo nombutho wolutsha, nangona bezikhona iindawo esingavaniyo kakuhle kuzo.”

“Sibenethuba lokucacisa ukuba i-SARU isuka ndawoni na neenzame zayo zeenguqu kwiminyaka edlulileyo. Sibonise nezicwangciso zethu ukubheka kunyaka wendebe yehlabathi yombhoxo u2019,” utshilo uMayedwa.