I-Mthatha Bucks idlale ntanganye ne-Warriors

IMthatha Bucks isokole ukufumana amanqaku amathathu ngethuba idlala neAfrican Warriors, eMthatha izolo.

Nangona liqale kakuhle kwisigaba sokuqala eliqela, kodwa liphose amathuba acacileyo ngakumbi abadlali base siswini. Siphele isigaba sokuqala la maqela ebambene ngeqanda macala.

Ngethuba kuqala isigaba sesibini salo mdlalo, iindwendwe zibonakalise ukunxanelwa igowuli. Kwaye neBucks yaphisa ngamathuba ambalwa. Umdlali weBucks * -Andile Njokweni, ukhabe ibhola entle yachithwa ngunozinti weWarriors, uVusi Magagula.

Abalandeli babonakalise ukuhluthuka kweentliziyo kukungakwazi kweeBucks ukufaka amagowuli kumdlalo wasekhaya emveni kokuphumelela kumdlalo neSantos eKapa kwiveki ephelileyo. Umdlalo uphele iliqanda macala.

Amathol’Amnyama sele ephumelele imidlalo emibini kule sizini kwiNFD, phantsi kwesandla somqeqeshi uVelile Dyaloyi. Kuquka nomnye wokulwela indawo kwiNedbank Cup kunye nomdlalo weNelson Mandela Commemoration Cup.