Ngelixa kudibene i-SARU kunye neenkokheli zeemanyano eziphantsi kwayo nesebe lezemidlalo nenkcubeko, eKapa ngoLwesibini.
Inkokheli yombutho wombhoxo ophantsi kweengxaki zemali i-EPRU, uCheeky Watson ebengomnye wabantu abangakhange bayizimase le ntlangano. Endaweni yakhe i-EPRU ibimelwe lilungu lekomiti elawulayo uFreddie Makoki. Ukungabikho kukaWatson nje- ngomongameli khange kungene kakuhle kwabanye abantu, kuba enye yezinto ebekuzakuthethwa ngazo yimeko ye-EPRU.
Kule ntlangano kuvakale ukuba uWatson, ufumene imbalelwano esuka kwiSARU ngoMvulo, nalapho ibimazisa ukuba iza- kungenelela, ilithathele kuyo ulawulo lwe-EPRU. Ngokwesigqibo senkundla seenyanga ezimbini ezidlulileyo, i-EPRU izakupheliswa ubukho bayo. Ngomhla weshumi kwinyanga ezayo kuzakuthathwa isigqibo nge-EPRU, emva kokuba kuvele izityholo zokuba lo mbutho utyala abasebenzi nabadlali, izigidi ezilishumi elinesibhozo. NgoLwesibini iSARU ibhengeze ukuba yenza konke okusemandleni ukuzama inkxaso nakubatyali mali ukuze ihlangule lo mbutho.
Ingqonyela yeSARU, uJurie Roux ibhengezile kule mbalelwano ithunyelwe uWatson ukuba ilungu lekomiti uMonde Tabata uzakuqeshwa njengomlawuli wokuseebenza kwezinto kwi-EPRU.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo