I-WSU iza kudlala okokuqala kwi-FNB varsity football

UWilliam Mugeyi nowaziwa kakhulu kwibhola ekhatywayo kweli leMpuma Koloni uza kuba ngumcebisi kwiqela lebhola ekhatywayo leYunivesithi yaseWalter Sisulu.

UMugeyi nosele esuka kudlalela iqela lebhola ekhatywayo iMthatha Bucks, uza kwesi sikhundla kanye xa eli qela liza kuya kukhuphiswano lweVarsity Football Challenge okokuqala. Kwaye yimidlalo emithathu ubuncinane yeli qela eza kusasazwa ngqo kwijelo likamabonakude iSupersport.

Le tumente iza kuqala ngokuhlwa komhla wamashumi amabini kuJulayi nalapho kuza kube kungquzulana iWSU neyunivesithi yaseMntla-Ntshona kumdlalo wokuvula eMthatha. Umqeqeshi weli qela * -Alfred Kuchou xa ebencokola nabakwa varsitysports.com uthe nangonanje beliqela elitsha kolu khuphiswano, baza kuyilwa into yokuxhatshazwa ngamaqela asele kukudala engenela kolu khuphiswano. Ijelo losasazo iSupersport linoxanduva lokusasaza umdlalo olindelwe ngamehlo abomvu wokuqubisana kwamaqela amabini eeyunivesithi zephondo leMpuma Kapa, iWSU neNMMU ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ku-Agasti kumabala aseWSU, eNelson Mandela Drive campus.

“Amaqela esiza kudlala nawo asiwazi indlela adlala ngayo, ngokunjalo nawo awayazi indlela esidlala ngayo, lo nto ithethe ukuba sizisa umahluko kolu khuphiswano. Sichulumanciswe kukubuyisela ibhola ekhatywayo eMthatha ” kutsho uKuchou. Weleke ngelithi iqela lizele luvuyo xa imidlalo yalo iza kube isasazwa ngqo kumabonakude kuba izikhulu kwakunye nee-arhente kwibhhola ekhatywayo ziza kube zibukele le midlalo ngelokukhangela izakhono.

Ikapteni yeqela laseWSU uZwide Nxumalo oneminyaka engashumi amabini anesithathu uthi le tumente liqonga eliza kuvelisa amathuba okuba batsale amehlo amaqela akudidi oluphezulu.

Ibambela lesithethi saseWSU, uThando Cezula uthi inqanaba lokuzilolongela le tumente liphezulu nanjengoko la makhwenkwe engene kwiveki yesithathu ekwinkampu engqingqwa phambi komdlalo wabo wokuvula nalapho iWSU iza kube inyathelana iinzwane neyunivesithi yaseMntla-Ntshona ngomvulo.