iAl Ahly iqulunqa igumgedle lokubetha iDowns ekhayeni leChiefs!

UPitso Mosimane nezikhulu ze-Al Ahly betyelele eNaturena. Umfanekiso: KC

UPitso Mosimane, okhokela iAl Ahly yaseYiphutha, ufumene igwiba lokhuseleko eNaturena phambi komdlalo omkhulu wangempelaveki. Izangxa zaseYiphutha zibila zisoma ekhayeni leKaizer Chiefs – apho ziqulunqa khona igumgedle lokubetha iSundowns emdlalweni weCAF Champions League ekulindeleke utake iintlantsi eFNB Stadium, eSoweto, ngentsimbi yesithandathu ngoMgqibelo.

UMosimane ucele ukwenza amalungiselelo weqela lakhe eNaturena. Yinto eqhelekileyo le yenziwe yiAl Ahly, namanye amaqela ayayenza xa etyelele kwamanye amazwe. Kodwa nangona kunjalo, kunokwenzeka ukuba uPitso ukhethe iNaturena kuba engafuni ukuphazanyiswa ngabalandeli beSundowns abamphatha kakubi ngezithuko ezibi kunyaka ophelileyo phambi komdlalo owawuphakathi kwe-Al Ahly neSundowns, ePitoli.

Umdlalo wangempelaveki ubaluleke kakhulu kuPitso ngoba iSundowns ikwazile ukuphumelela emdlalweni wokuqala. Ukubethelwa eCairo yinto engamkelekanga kubalandeli be-Al Ahly. Ngoku unethemba lokuzuza impindezelo eFNB Stadium emva kokuphumelela kakuhle umdlalo weChampions League kwimpelaveki egqithileyo. Nakubeni icacile into efunwa liqela likaPitso – kodwa naye uManqoba Mngqithi ubethe ngenqindi phantsi ngelithi mayize abayoyiki iAl Ahly.