iArgentina nePoland zingenile kwiTop16 Fifa World Cup

Iphelile indlela yeMexico neSaudi Arabia kwitumente yehlabathi namhlanje – kodwa iArgentina nePoland zidlulela phambili kwiTop 16. Xa amaciko esithi: Okubalulekileyo yindlela olugqiba ngalo ugqatso kunendlela oluqala ngayo. Loo mazwi angena ayifanele indlela yeArgentina eqale itumente kakubi. Emdlalweni wokuqala kaGroup C, iArgentina yaba ngundabamlonyeni emva kokubethwa yiSaudi Arabia ngamagowuli amabini kwelinye. Iye yavuka emaqandeni kowesibini umdlalo iArgentina yabetha iMexico ngamagowuli amabini eqandeni. Ngamanqaku lawo, ayinike ithemba namandla iArgentina okudlala umdlalo wanamhlanje ebethe kuwo iPoland isokolisa ngamagowuli amabini eqandeni.

Amagowuli ephumelele ngawo iArgentina afakwe ngu-Alexis Mac Allister noJulian Alvarez phambi kwepenela ephoswe nguLionel Messi kwisigaba sesibini somdlalo. Namhlanje iPoland ibidlalela ukuchitha nje iibhola, bekunqabile ukuyibona izama ukufaka engxaniki iArgentina. Ngoba iPoland iye emdlalweni wanamhlanje sele inamanqaku amane, idlalele ukuba kungafakwa amagowuli amaninzi kuyo abeza kuyibethisa ngeMexico. Izamile yona iMexico ukulwela ukuhlala eQatar ixesha elide – kodwa iphoxwe yiPoland engavumanga ukubethwa kakhulu yiArgentina. Namhlanje iMexico ibiqala ukuphumelela umdlalo kwitumente yehlabathi yalo nyaka ngokubetha iSaudi Arabia ngamagowuli amabini kwelinye.

Ligowuli elifakwe yiSaudi Arabia emzuzwini wokugqibela eliyikhame amandla weMexico ebisilwa kakhulu. Ngelishwa layo iSaudi Arabia ibuyela ekhaya emva kokungaphumeleli imidlalo eyaneleyo kuGroup C. Nangona igoduka, iSaudi Arabia iya kuhlala ezimbalini zebhola ekhatywayo ngokubetha iArgentina kwitumente yalo nyaka. Yinto leyo eya kukhuthaza nekhaba elakuthatha kubadlali abakhoyo ngoku, ngoba ibonisa iSaudi Arabia enokumelanga namazwe anamandla ebholeni ekhatywayo. Kude kwakho neholide ngenxa yokubetha iArgentina. IMexico yona ibikhaphe nje amanye amaqela. Lilizwe elisoloko lithembisa – kodwa elingahambi mgama omde kwitumente yehlabathi.