iArgentina ziintshatsheli zehlabathi emva kokubetha iFrance elwileyo eLusail Stadium

Abadlali be-Argentina bebhiyozela ukufumana indebe emva kokubetha iFrance ngo’4-2 kumapenela emdlalweni ophele ngo’3-3 eLusail stadium namhlanje ngorhatya. Umfanekiso: EPA/Ronald Wittek

Emva kweminyaka engaphaya kwamashumi amathathu eminyaka, iArgentina iphakamisa iNdebe yeHlabathi ityeli lesithathu. Oku kwenzeke eLusail Stadium – apho iArgentina ibethe khona iFrance ngo’4-2 kumapele emva kokuba umdlalo uphele amaqela ebambene ngamagowuli amathathu macala. Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo wokugqibela weFifa World Cup ebibanjelwe eQatar kulo nyaka, soze ulityalwe ngabathandi bebhola ekhatywayo ngenxa yomsebenzi oncomekayo owenziwe ngabadlali bamaqela omabini. Womnke umntu ebegqibile uku iArgentina igqibile ukusebenza kwa kwisigaba sokuqala somdlalo emva kokuba ifumene amagowuli amabini. Elokuqala lifakwe nguLionel Messi, elinye lafakwa ngu-Angel Di Maria odlalelwe ibhola entle ngu-Alexis Mac Allister. Siphele isigaba sokuqala somdlalo iArgentina iphokele futhi ilelona qela elinamandla ebaleni.

Zijikile izinto kwisigaba sesibini. Amakhwenkwe kaDidier Deschamps abuye engxolisiwe futhi engamameli. Emva kokuba kwenziwe iinguqu eziliqela, iFrance idlale umdlalo obhetele kunesiqingatha sokuqala. Ufake ipenela ngomzuzu wamashumi asibhozo uKylian Mbappe. Ligowuli elo eliyinike amandla kakhulu iFrance. Kuthe xa ingumzuzu wamashumi alithoba, uKylian Mbappe ubhakuzelise umnatha okwesibini emdlalweni atsho amabini macala amagowuli ebhodini. Usompempe uthathe umdlalo wawusa kwixesha lakhe elongezelelweyo ngoba bekungekho qela eliphumeleleyo. Emzuzwini wekhulu nethoba, uLionel Messi ufake igowuli lakhe lesibini emdlalweni wanamhlanje bacinga ukuba kugqityiwe abantu. Ifumene igowuli lesithathu nayo iFrance ngepenela efakwe nguMbappe.

Kumapenela kuphumelele iArgentina encedwe liqhawe layo ezipalini, uEmiliano Martinez. Iphumelele kanjalo ke iArgentina emdlalweni wokugqibela weFifa World Cup ebibanjelwe eQatar kulo nyaka (2022). Le yimini engasoze ilibaleke kuLionel Scolani – oyena mqeqeshi omncinane ngeminyaka (kwi2022 Fifa World Cup) owenze imbali ngokunika iArgentina indebe yehlabathi eyayigqibela ngeentsuku zobutsha zikaDiego Maradona. Kanti ikwa lusuku olubalulekileyo nakuMessi ophumelele eyona ndebe ebalulekileyo ebholeni ekhatywayo kwitumente yehlabathi yakhe yokugqibela. Iwonga lomdlali obalaseleyo linikwe Lionel Messi, elamagowuli amaninzi liye kuMbappe, elikanozinti obalaseleyo lifunyenwe nguMartinez laze elomdlali oselula lathathwa nguEnzo Fernandez. Bonke abadlali abafumene amawonga ngabase-Argentina ngaphandle kukaMbappe othathe elamagowuli amaninzi.