IBafana Bafana ijonge ukukhusela indebe yeCOSAFA!

Stuart Baxter, coach of South Africa celebrates with Thabo Senong during the international friendly match between South Africa and Zambia at the Moruleng stadium in Rustenburg on 13 June 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kubhengezwe iqela labadlali beqela lesizwe, iBafana Bafana, abazakuthatha inxaxheba kwimidlalo ye-2017 COSAFA Castle Cup ezakube ilapha eMzantsi Afrika. Le tumente kulindeleke ukuba iqale ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga iqukunjelwe ngomhla wethoba kwinyanga ezayo eRustenburg, kwiphondo laseMntska Ntshona.

Iqela lesizwe ligxeleshe ukukhusela le ndebe  njengoba layiphumelela kunyaka ophelileyo elabetha kuwo iBotswane kwaye lonto ithetha ukuthi iBafana Bafana izakuqala ukudlala seyiphakathi itumente. Amakhwenkwe kaStuart Baxter azakudlala neliphumeleleyo kuGroup A phakathi kweTanzania, Malawi, Mauritius okanye i-Angola. Abadlali ababalulekileyo nabanamagama amakhulu ahamba phambili kweli qela kungabalulwa uLorenzo Gordinho, Aubrey Ngoma, Mandla Masango kwakunye noJudas Moseamedi.

Abadlali abachongiweyo:

Onoozinti: Darren Johnson, Bruce Bvuma, Baolefa Pule.

Abasemva: Thendo Mukumela, Sandile Mthethwa,
Mothobi Mvala, Mario Booysen, Tercious Malepe, Innocent Maela,
Lorenzo Gordinho.

Esiswini: Thabo Cele, Lebogang Maboe, Sibongakonke Mbatha,
Nduduzo Sibiya, Mandla Masango, Lehlohonolo Masalesa, Lebogang Phiri, Aubrey
Ngoma.

Iifolosi: Liam Jordan, Judas Moseamedi.