IBafana Bafana intywiliselwa nayiFIFA ngoku

Kobu busuku uMzantsi Afrika ufuneme iindaba ezimbi ngakumbi ezisuka kundlunkulu  weFIFA, eZurich. Lo mbutho ulawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi ugqibe kwelokuba umdlalo owawuphakathi kweBafana Bafana neSenegal kunyaka ophelileyo uphindwe udlalwe kwakhona ngenxa yezigqibo ezingachanekanga nezazikhatya bubuqhophololo ezathathwa ngusompempe ogama linguJoseph Lamptey – owayenikwe uxanduva lokulawula lo mdlalo. Umdlalo waphunyelelwa yiBafana Bafana ngo’2-1.

Isigqibo esithathwe yiFIFA siza emva kwesikhalazo esafakwa yiSenegal malunga nezigqibo zikasompempe owayephethe umdlalo ngala mini ePeter Mokaba Stadium. ULamptey wagxizwa ngokususwa unaphakade ebholeni yiFIFA ngenxa yobuqhophololo obenzekayo kulo mdlalo. Ngoku lo mdlalo kuthiwa kufuneka uphindwe udlalwe ngokutsha. Lo nto iwuntywilisela ngakumbi uMzantsi Afrika osecicini lokungayi kwi-2018 FIFA World Cup.

“Isigqeba seFIFA sigqibe kwelokuba umdlalo owawuphakathi koMzantsi Afrika neSenegal ngomhla we-12 November 2016 uphinde udlalwe. Esi sigqibo silandela isigqibo esathathwe yiCourt of Arbitration for Sport sokumsika naphakade uJoseph Lamptey naphakade ebholeni ekhatywayo ngenxa yobuqhophololo awabenzayo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiFIFA namhlanje.

Esi sigqibo sithetha ukuthi uMzantsi Afrika unenqaku elinye vo kuGroup D, ukuze ubenethuba lokuya eRussia kufuneka uyiphumelele yomithathu imidlalo ozakujongana nayo.