IBafana mayize nendebe ekhaya!

UStuart Baxter ongumqeqeshi woMzantsi Afrika UMFANEKISO: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

NgoLwesihlanu onke amehlo aza kube ethe ntsho kwitumente yeAfrika (2019 Africa Cup of Nations). Umdlalo wokugabula izigcawu uza kube uphakathi kweYiphutha neZimbabwe.

Kodwa umdla wabantu baseMzantsi Afrika ukwelabo elibuyela kwiAfcon emva kokuphoswa yegqithileyo.

IBafana Bafana iza kuvan’amandla neIvory Coast emdlalweni kaGroup D emalanga ngoMvulo (16:30) eAl-Salam Stadium.

Umqeqeshi weBafana, uStuart Baxter nabadlali bakhe, baphantsi koxinizelelo emva kokuphoswa kwabo kwiitumente zezizwe ezibalulekileyo.

Nakubeni bethelekiswe namazwe angoompondozihlanjiwe ebholeni yeAfrika, kodwa ukuphuma kwangoko kwiAfcon, iya kuba yinto embi kakhulu.

Nangani kunzima ukuqiniseka ngomgama ongahanjwa nguMzantsi Afrika, kodwa kunyanzelekile uzabalaze kwaye noStuart Baxter wabathembisa ngelithi iqela lakhe lingaya kumanqam kwiAfcon yalo nyaka.

Wayithetha lo nto emva komsitho ekwakuthelekiswa kuwo amazwe aza kudlala kwiAfcon ekuqaleni kwalo nyaka. Lifikile ixesha lokuba iBafana Bafana ibuyise ubunganga bayo kwibhola yeAfrika ngokuthi izibonakalise ngokubetha iNamibia, iMorocco neIvory Coast.

“Sithelekiswe namazwe omeleleyo kodwa siyayivuyela lo nto ngoba sinento yokungaqhubi kakuhle xa sithelekiswe namazwe amancinane.

Noxa singazukhwaza kodwa ndingatsho ndithi: asizukukhapha abahambayo kuGroup D,” watsho uBaxter.

Akukho midlalo engako yokuzilungiselela edlalwe yiBafana, kodwa umqeqeshi uthe umdlalo wokuqala uza kufika iqela lakhe liwulungele ngokupheleleyo. UMzantsi Afrika udlale ntanganye neGhana emdlalweni wokucweya obuseDubai Police Academy kwiveki ephelileyo.

UBaxter uye walahlula langamaqela amabini iqela lakhe ngelizama ukuvavanya bonke abadlali bakhe bedlala nelizwe elinamandla.

Nangona kukho amazwe asemgangathweni ophezulu aquka iNigeria, iGhana, iMorocco namanye kodwa lifikile ixesha lokuba iBafana ilwe ize nendebe ekhaya.

UMzantsi uza kubeka ithemba lawo kuPercy Tau, uThulani Hlatshwayo noLebo Mothiba.

Iqela lesizwe:

Oonozinti: Darren Keet, Ronwen Williams, Bruce Bvuma

Abadlali basemvA: Daniel Cardoso, Ramahlwe Mphahlele, Thulani Hlatshwayo, Innocent Maela, S’fiso Hlanti, Buhleyeza Mkhwanazi, Thamsanqa Mkhize.

Abasesiswini: Bongani Zungu, Dean Furman, Kamohelo Mokotjo, Tiyani Mabunda, Thulani Serero, Thembinkosi Lorch, Themba Zwane, Hlompho Kekana

Iifolosi: Lebo Mothiba, Percy Tau, Lars Veldwuk, Lebogang Maboe, Sibusiso Vilakazi