IBanyana Banyana iwe phantsi ityeli lesihlanu

Iqela lesizwe lamantombazana, iBanyana Banyana, liwe phantsi ityeli lesihlanu kwiinzame zalo zokubuya neyona ndebe ibalulekileyo e-Afrika.

Oku kulandela ukubethwa kwalo yiNigeria ngo’1-0 kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi we-Africa Women’s Cup of Nations ngoLwesibini eState Limbe Omnisport eCameroon.

Emva kokuba umqeqeshi obambeleyo, uDesiree Ellis ethe wachonga abadlali abebeyinxalenye yeqela lesizwe elidlale kwi-2016 Olympics, eRio de Janeiro, kwiinyanga ezidlulileyo, belikhona ithemba lokuqhuba kakuhle kule tumente ngenxa yamava abadlali abawazuzileyo. Elo themba liphelele emoyeni emva kokubethwa yiNigeria, ilizwe ekucingeleka ukuba lingayiphumelela indebe ngenxa yamandla elinawo kwibhola ekhatywayo e-Afrika.

Umqeqeshi weBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthi kweli ityeli iNigeria ifumene into ebingayifanelanga ngoba abadlali bakhe bakwazile ukuyongamela. Igowuli lempumelelo lifakwe nguDesire Oparanonzi kwisiqingatha sesibini somdlalo.

Kodwa ke kuko konke okwenzekileyo * -Ellis uthathe iqela ngexesha elibi emva kokuhamba kukaVera Pauw – olahle emva kwemidlalo ye-Olimpiki. Amaqela esizwe ebhola ekhatywayo anengxaki yokungakwazi ukumelana namanye amazwe kwiitumente ezibalulekileyo.

Nangona iBanyana Banyana bethe bayibetha ngo’5-0 i-Egypt kwiveki ephelileyo – kodwa kweminye imidlalo abakwazanga ukuyiphumelela ngenxa yokungakwazi ukufaka amagowuli.

Akukapheli ncam ngoba iBanyana izakudlala neGhana kumdlalo wokugqibela ngoLwesihlanu. Lelinye lamazwe adlala kakuhle iGhana kwibhola yamantombazana. Ukuze iBanyana Banyana ibuye nento esandleni kufuneka bazimisele kakhulu.

“Ndicinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu, into esibethileyo kukungabinayo intlahla. Besiyigubungele iNigeria kulo mdlalo,” utshilo * -Ellis.

pedro.mapelo@inl.co.za