IBanyana iwulungele umdlalo ne-USA

Umqeqeshi oyintloko weBanyana Banyana, uVera Pauw, ulibhengezile iqela lakhe elinabadlali abangamashumi amabini anesihlanu elizakudlala neentshatsheli zehlabathi, i-USA kumdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe.

Lo mqeqeshi uligcinile uninzi labadlali abenze umsebenzi oncomekayo ukusukela kwimidlalo yokulwela ukuya kwi-Olimpiki. UPauw kufuneka aphungule abadlali ababini kwaba bakhoyo kuba udinga abangamashumi amabini anesithathu kuphela xa elungiselela ukuya eRio. Abadlali azakubakhiqa uzakube ebazi ngaphandle kwamathandabuzo emva kwalo mdlalo wobuhlobo.

Isigqibo uzakusenza xa ebuyela eMzantsi Afrika, abadlali abasusileyo baza- kubhengezwa ngoLwesine weveki ezayo apho iSascos izakube ibambe inkomfa noonondaba ukubhengeza iqela loMzantsi Afrika eliya kwi-Olimpiki lonke.

Ukulungiselela umdlalo ne-USA uPauw uphinde wabiza umdlali siswini uRobyn Moodaly obenzakele. Lo mqeqeshi uthi baqale bayiqwalasela imeko yakhe.

“URobyn ebenziwe utyando edolweni kwaye ebejongwe ngogqirha eMelika. Ngelixa enyangwayo uye wafumana ukwasuleleka kweli dolo linye, nento ethe yalibazisa ukuphila kwakhe. “Kude kuzokuthi ga ngoku besingaqinisekanga ukuba uzakulungela kwangethuba ukudlala. Kule veki sisuka kuyo xa bebeziqeqesha sibone into eyahlukileyo. Ixhomekeke kuye ngoku ukuba alungele ukuzibekela indawo kwimidlalo ye-Olimpiki,” utshilo uPauw. “I-Olimpiki lelona qonga likhulu lezemidlalo ehlabathini, kufuneka siqiniseke ukuba unendima azakuyidlala phambi kokuba simfake phakathi kwabadlali bethu.”