IBaroka FC ival’ unyaka ngeSuperSport United!

Kgoloko Thobejane coach of Baroka FC celebrates with players during the NFD Promotion Playoffs match between Baroka FC and Black Leopards at the Peter Mokaba stadium in Pretoria on 07 June 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

IBaroka FC
yothuse umzi ngethuba inqwamza iSuperSport United ngamagowuli amathathu kwelinye jwi (3-1) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe ePeter
Mokaba Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Amakhwenkwe kaKgoloko Thobejane abuyele
kwindawo yesithathu kwiPSL emva kwempumelelo yanamhlanje. Eli qela laseLimpopo
alikwazanga ukufuna nenye impumelelo kwimidlalo esixhenxe eliyidlalileyo phambi
kwalo mdlalo. Lo nto ibangunobangela wokususwa kwayo iBaroka kwindawo yokuqala
emva kokuhlala ixesha elide kuyo.

Kuyiwe ekhefini
iBaroka inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye elifakwe nguLucky Nguzana kumzuzu
wamashumi amathathu ananye. Umdlalo ubuphakathi ngoba amaqela ebedlala umdlalo
wawo wesiqhelo – kodwa kungekho mathuba acacileyo kakuhle okubhalisa ebhodini. Nangona
kunjalo uReneilwe Letsholonyane noThuso Phala bebengayekanga ukwenza imigushuzo
esizikithini sebala. UReyaad Pieterse uye wanyanzeleka ukuba asebenze kwisigaba
sesibini; uvale iibhola eziliqela engezimonzakalisile.

Kwisigaba sesibini
umdlali wasemva kwiSuperSport, u-Azibuike Egwuekwe ufake ngentloko igowuli
lokulinganisa emva kokufumana ibhola entle ebisuka kuThuso Phala ekoneni.
Igqala lomdlali-siswini, uLetladi Madubanya, uzibonakalisile ukuba usenamandla
ngokuthi afake igowuli lesibini leBaroka. Kumzuzu wokugqibela emdlalweni,
uMduduzi Mdantsane ubhakuzelise umnatha yatsho yangu’3-1 ebhodini. Ukuvala kweBaroka
ikwindawo yesithathu kuqinisa iinzame zayo zokuphucula indlela edlala ngayo
emva kokusinda ezembeni kwisizini edlulileyo. Komnye umdlalo, iMaritzburg United ibambene ngeqanda neGolden Arrows kumdlalo wePSL obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium.

  

Baroka FC:
Vries, Shaku, Mahashe, Moeti (Moeti 71′), Masenamela, Mothupa, Nguzana,
Kgaswane (Chawapiwa 65′), Madubanya, Mdantsane, Ngalande (Mosele 81′).

Amalalela: Masuluke, Chawaphihwa, Matloga, Ntshangase,
Rethabile, Mosele, Kgoetyane.

SuperSport United: Pieterse, Kekana, Daniels,
Egwuekwe, Boateng (Mbule 62′), Furman, Letsholonyane (Myeni 78′), Mokoena,
Phala, Modiba, Grobler (Brockie 67′).

Amalalela: Mbanjwa, Gould, Nhlapo, Mbule, Brockie
Myeni, Mokeke.