IBaroka ibuye nomnqongo wenqaku eKapa

Victor Letsoalo of Baroka is tackled by Markus Lecki of Stellenbosch FC during the Promotional Playoff 2016/17 game between Stellenbosch and Baroka FC at Athlone Stadium, Cape Town on 31 May 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

IBaroka FC igoduke ingqukruleka namhlanje emva kokubuya nomnqongo wenqaku ngenxa yokokudlala ngamathuba kumdlalo ebambene kuwo ngo’2-2 neStellenbosch, e-Athlone Stadium ngale njikalanga. La maqela mabini angquzulene kwanzima kumdlalo wokuqala kuleyo yokuzibekela indawo kwisizini ezayo yePSL. Iqela laseLimpopo lidlala le midlalo emva kokuba livale isizini yePSL ka’2016/17 likwindawo yeshumi elinesihlanu. Ukuba iBaroka iyayiphumelela imidlalo yayo ezayo ifumane namanqaku oneleyo, iya kufumana ithuba lesibini lokudlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

IBaroka iwuqale kakuhle umdlalo, kangangokuba kwimizuzu elishumi yokuqala, ijike kwade kwakabini ezipalini. UMaboke Matlakala noVictor Letsoalo abakwazanga ukusebenzisa kakuhle amathuba abawafumeneyo kulo mdlalo. Emdlalweni yiBaroka ebiyeyona inamandla futhi kubonakala ngathi ingabhalisa nanini ebhodini. UMxolisi Kunene ufake igowuli leBaroka emva kokufumana ibhola entle kuNkosinathi Ndlovu – kodwa khange kube kudala yabuyisa nayo iStellenbosch ngebhola efakwe nguJarod Maroole. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ebambene ngo’1-1.

Emva kwemizuzu emihlanu, uNkosinathi Ndlovu, ungcangcazelise umnatha – ngalo ndlela waba ubeka iBaroka phambili. Ibuyise izitya iStellenbosch ngebhola kaDavid Booysen ayifake ngentloko. Nangona iqela ebelindwendwele likwazile ukulawula umdlalo kwisiqingatha sokuqala – kodwa kwesesibini izinto ziye zajika ngoba nayo iStellenbosch iye yafumana amandla wokubuyela emdlalweni. Umdlalo uphele ebambene ngo’2-2 la maqela.

Stellenbosch FC: Arubi, Lecki, Brown, Sait, Rowell (Dube 56′), Shitembi, Booysen. Mabua, Muishond (Bell 80′), Moroole, Niang.

Baroka FC: Masuluke, Mahashe, Kgoetyane, Shaku, Matlakala, Ndlovu, Maleka (Motshegwa 83), Masenamela, Letsoalo, Kunene (Matloga 65′), Munetsi.