IBaroka ingxamele ukungena kwiPSL

Kushiyeke imidlalo emibini kwiqela ngalinye, ukuze iphele isizini yeNational First Division. IBaroka FC sele ibonakalisa ngoku ukuba ikulungele ukudlala kwiPremier Soccer League, emva kokubetha iWitbank Spurs ngegowuli elinye eqandeni.

Igowuli libe linye kuphela kulo mdlalo nobutakisa iintlantsi kakhulu, lifakwe ngu-Ayanda Jwara ongene kwisiqingatha sesibini. Ipumelelo yeBaroka iyigcine ihleli kwindawo yokuqala, kwaye ivule umsantsa wamanqaku amathathu kwiHighlands Park ekwindawo yesibini.

Amathemba eRoyal Eagles okunyukela kwiPSL, aya ngokudodobala ingakumbi emva kokubethwa yiVasco Da Gama ngamagowuli amabini eqandeni.

UStanley Muishond ufake igowuli lokuqala leVasco ngelixa elesibini lize noJarrod Moroole. Kwidabi laseKapa iCape Town All Stars ibethe i-FC Cape Town ngamagowuli amabini eqandeni kumdlalo ubudlalelwa e-Athlone.

UPaseka Mako ufake igowuli lokuqala emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali bangemva beFC Cape Town. Singaphelanga isiqingatha sokuqala uThembinkosi Lorch uvuthulule ibhola ekude wafaka igowuli lesibini ukuza nempumelelo yeFC Cape Town.

Owona mdlalo uze namanqaku amaninzi kwiNFD kule mpelaveki ibingumdlalo phakathi kweMbombela United ne-African Warriors nalapho iMbombela iphumelele ngo’5-3.

ULebogang Maboe ufake igowuli lokuqala leMbobela, kodwa uThamsanqa Ngena wakwazi ukufaka elokulinganisa ngomzuzu wamashumi amabini anesibini.

UBheki Malida uphinde wakwazi ukubeka iMbombela phambili, kodwa uBonginkosi Nxumalo wafaka elesibini leWarriors ukuwenza alingane kwakhona amanqaku.