IBaroka isusiwe phezulu kwiNFD

Izinto ziguqukile kwiNFD kule mpelaveki, kwaye ngoku ukhuphiswano lunikisa umdla njengokuba kuleqwa ekupheleni kwesizini.

IHighlands Park isuse iBaroka FC kwindawo yokuqala emva kokubetha iMilano United, ngegowuli elinye eqandeni eMakhulong Stadium, emva kwemini ngoMgqibelo.

Igowuli elize nempumelelo yeHighlands lifakwe nguJermaine Christian. IBaroka ibithabathe inxaxheba kwiNedbank Cup kule mpelaveki, kumdlalo wayo nePolokwane City, into ethetha ukuba khange idlale kwiNFD.

NgeCawa AmaZulu abambene ngeqanda macala neAfrican Warriors komnye wemidlalo yeNFD. USuthu ligoduke negowuli elinye phantsi kwesandla somqeqeshi olibambela uDelron Buckley.

ISantos ingcwatywe yiRoyal Eagles ngamagowuli amane eqandeni, le mpumelelo ithatha i-Eagles iyibeke ngasentla kweWitbank Spurs, kwaye ikuluhlu lamaqela amathathu aphezulu.

IBlack Leopards ibuye nelize kule mpelaveki kumdlalo wayo neCape Town All Stars, amaphaphu ebephezulu kwiLidoda Duvha emva kokubetha iMthatha Bucks kwiveki engaphambili.

ILeopards yiyo efake igowuli kuqala ngenqina likaBongani Manana, kodwa Igugu Lekapa likwazile ukuphendula sisaqhuba isiqingatha sokuqala ngegowuli elifakwe nguMlungisi Mbunjana.

Elesibini lifakwe nguThokozani Sekotlong ngelixa elesithathu lifakwe nguSizwe Mdlinzo, iAll Stars iphumelele ngamagowuli amathathu kwelinye.

IMoroka Swallows ivuselele ithemba lokusuka emsileni nokubaleka izembe kwiNFD, ngokubetha iMbombela United ngegowuli elinye eqandeni.