Emva kokungadlali kakuhle ekhaya kwiveki ephelileyo. IMthatha Bucks ijongene nelinye iqhina kwakhona ngomso, xa bezakube bendwendwele iBaroka FC, e-Old Peter Mokaba Stadium.
IBucks idlale ntanganye ngeqanda macala kumdlalo wayo ne-African Warriors kwiveki ephelileyo.
Bahleli kwindawo yeshumi elinesihlanu kuluhlu lamaqela e-NFD, emva kwemidlalo elishumi elinesihlanu, kwaye basaphumelele kuphela imidlalo emibini.
Izinto ezizakwenza bubenzima ubomi beBucks ngomso zimbini. Okokuqala iBaroka oko ibidlala kakuhle kule sizini, bahleli kwindawo yokuqala kwiNFD, kwaye bazakube bedlalela ekhayeni.
IBaroka ibethwe kumdlalo omnye kule sizini.
Imidlalo yeNFD kule mpelaveki: Mgqibelo: Moroka Swallows vs AmaZulu, Witbank Spurs vs Santos, FC Cape Town vs Black Leopards, Thanda Royal Zulu vs Vasco Da Gama, Baroka FC vs Mthatha Bucs.
Cawa: African Warriors vs Highlands Park, Royal Eagles vs Mbombela United.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM