IBaroka izakujamelana neSuperSport United

IBAROKA iphakathi kwamaqela amane aza kudlala imidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi yeNedbank Cup, izibekele indawo emva kokubetha iPolokwane City ngamagowuli amabini eqandeni.

IPolokwane City ikwazile ukuqwebisa kwimizuzu yokuqala xa ubusandula ukuqala lo mdlalo, kodwa iBaroka khange ivume ukwamnkela olu xinizelelo. Xa sisondele ekupheleni isiqingatha sokuqala, ifolosi yeBaroka * -Albert Mathupa ungqube ibhola yasimahla wayifaka emnatheni ukubeka iBaroka phambili.

Khange kube kudala, xa kushiyeke umzuzu kuyiwe ekhefini, uCollins Makgaka uye wagqibezela ibhola ibisuka ecabangeni, yahamba phambili iBaroka ngamagowuli amabini eqandeni. Kwisiqingatha sesibini iBaroka iqale apho ibiyeke khona ngokwenza amathuba kodwa khange avume unozinti wePolokwane City.

IBaroka izibekele indawo kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi, izakundwendwela iSuperSport United, ngelixa i-Orlando Pirates izakundwendwela iFree State Stars kumdlalo wesibini.