IBaroka izenzela igama kwiNedbank Cup

IPolokwane City ehleli kwindawo yeshumi elinesithathu kwiPremier Soccer League iza kufumana inkuthazo kumdlalo wayo wangoMgqibelo ophelileyo, emva kokubetha iChippa United.

Eli qela libethe iChippa United ngegowuli elinye eqandeni kumdlalo wePSL.

Abafana bakaJulo Leal bakwazile ukuzisusa ezembeni elijamelene namaqela ase msileni kwiPSL. NgeCawa iRise and Shine izakube ijamelene nelinye lamaqela asokolisa kakhulu, ingakumbi kukhuphiswano le ndebe, iBaroka FC. IBaroks ihleli kwindawo yokuqala kwiNational First Division, kwaye sele iyinikiwe intshinga yeNFD kule sizini.

IBaroka ayingomtshakazi kwiNedbank Cup. Bazenzele igama kolu khuphiswano ngokubetha iKaizer Chiefs neMoroka Swallows kwiminyaka embalwa edlulileyo. Ukuze bazibone bekule ndawo bakuyo baqale ngokubhuqa iChippa United ngamagowuli amathathu kwamabini, kumjikelo wokuqala. Okwesibini iBaroka ishiye uninzi lubambe ongezantsi xa ibetha iGolden Arrows ngamagowuli amabini kwelinye.

Uxinizelelo olwenzeka kwiNFD mhlawumbi lungayiphazamisa iBaroka. Babethwe okwesithathu ngoMgqibelo kwiNFD xa besothuswa yiVasco Da Gama ngamagowuli amane kwelinye. Amandla abo aleli kwifolosi uThabiso Kutumela.

Omnye umdlalo ozakunika umdla kwiNedbank ngumdlalo phakathi kweFree State Stars neBidvest Wits, ngoMgqibelo. IStars ibambe iWits ngeqanda macala kumdlalo weveki ephelileyo, eBidvest Stadium, nto leto ithe yaphazamisa umzamo weWits wokuvala isikhewu phakathi kwayo neMamelodi Sundowns ehleli kwindawo yokuqala kwiPSL.