IBaroka ngeke imgcine uNtshumayelo

UThandani Ntshumayelo ukhangela iqela elitsha emva kokuba iBaroka FC ingasivuselelanga isivumelwano sakhe sengqesho.

OkaNtshumayelo wathathwa yiBaroka ekuqaleni kwalo nyaka ngelizama ukumnika ithuba lokuvuselela ikhono lakhe emva kokusikwa iminyaka ebholeni ngenxa yeziyobisi.

Ingxelo ekhutshwe yiGoal ithe igqibe kwelokuba imkhulule umdlali.

UNtshumayelo wabanjwa esebenzise iziyobisi engumdlali wePirates.

“Ewe, isivumelwano sakhe somsebenzi asizukuvuselelwa.

Kubi ngoba iBaroka ibinalo ilungelo lokumgcina iminyaka emibini.

Akucacanga kakuhle ukuba kutheni ngoba uNtshumayelo ebengumdlali ozimiseleyo kakhulu,” utshilo umntu othethe neGoal.