IBashee Eagles ziintshatsheli ezivunyiweyo zeMatta Easter Challenge

Abadlali beBashee Eagles besamkela indebe abayiphumeleleyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Iqela lebhola ekhatywayo laseMbhashe, iBashee Eagles, lithwaliswe isithsaba ngokusesikweni kwimpelaveki egqithileyo emsithweni obubanjelwe eCaley J.S.S, eGcuwa. Oku kwenziwe emva kokuba iBashee Eagles izenzele imbali ngokuphumelela itumente eneminyaka emithathu ekuthiwa yiMatta Challenge Easter Tournament edlalwe kwiintsuku zePasika ekuqaleni kwale nyanga kaTshazimpuzi.

Libe ziintshatsheli ezivunyiweyo iqela laseMbhashe emva kokuba labetha iMusketeers yaseMnquma emdlalweni owaphela kumapenela. Itumente yasungulwa nguMnu. Silence Matta – onethuba elide elisoja lophuhliso kwicandelo lezemidlalo. Umqeqeshi weBashee, uMnu. Malibongwe “Rajah” Masekwane, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba iqela lakhe liyakuvuyela ukufumana indebe – kodwa injongo ephambili ibikukulungisa iqela ukuze liye emidlalweni ephantsi kweMathole League liyilungele.

“Siliqela sichulumance kakhulu ngoba silunguselela imidlalo ezayo yesithili. Sivuyiswa kakhulu kukuba nemali esiyifumeneyo. Iza kusincedisa kwiindleko zokuhambisa iqela xa lisiya emidlalweni,” utshilo uMnu. Masekwana. “Enye imali siza kuthenga ngayo izinto zokuziqeqesha. Sibulela kakhulu umxhasi wetumente onike abantwana ithuba lokudlala ibhola. Isincedile itumente ngoba sikwazile ukusebenzisa abadlali abaninzi. Okubaluleke kakhulu kuthi ibe kukunika abadlali abatsha ithuba lokudlala ukuze bakwazi ukuqhelana nabanye,” utshilo uRajah.

Iqela lakhe lizuze indebe ekhatshwe lishumi limawaka erandi (R10 000). Yona iMusketeers ifumene amawaka asixhenxe erandi (R7 000). Abadlali abazuze amawonga: UJulius Jonga ifumene iwonga lomdlali ofaka amagowuli amaninzi emva kokufaka amahlanu. Umdlali oqaqambileyo kwitumente yonke ibe nguMava Nonxuba weMusketeers. Unozinti oqaqambileyo ibe nguSifuba Siphelele. ULusanda Ntshobondwana wangumqeqeshi wetumente.