IBasket Ball ingene tsotsololo eMdantsane

Umdlalo weBasket Ball udume kakhulu kwilizwe laseMelika – apho ungowona mdlalo unkqenkqeza phambili – kodwa kule minyaka idlulileyo kubekhona ukuntshula kwenani labantu abanomdla kulo mdlalo nalapha eMzantsi Afrika.

KwaNU-5, eMdantsane, lo mdlalo utsala inkitha yabadlali kukwanjalo nakubabukeli bawo rhoqo xa kukho imidlalo.

Phaya eMdantsane lo mdlalo waziswa nguMnumzana * -Ayanda Mabedla, owacinga ukusungula iqela lokuqala leBasket Ball ekuthiwa yiFast Shooters.

Leyo yaba yindlela yokuqokelela ulutsha olwaluthe gabhu kwizinto ezingendawo ezifana nobundlobongela phaya ngoo-1993.

Ukungenelela kwabantu abaziwayo abafana noMnu. Zola Dunywa (owayengumanejala yeBafana Bafana) kwenze umahluko omkhulu kulo mdlalo ngoba kwaye kwabakho neqela labadlali beBasket Ball abahamba ngezitulo.

Kusasa ngentsimbi yeshumi (10:00) ngoMgqibelo, amaqela asuka kwiindawo ngeendawo azakube engungelene eNU-5 – apho itumente yokuvala isizini izakube ibanjelwe khona.

Le midlalo yeyokugqibela njengokuba abantwana bezakukhululwa ukuze balungiselele iimviwo zokuphela konyaka.

Amaqela azakuthath’ inxaxheba kule tumente ejongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli aquka iKing Woods yaseRhini; iZinzani Higher Primary School, iVulamazibuko High School, iKhulani Commercial School neDavid Mama.

Amaqela azakusebenzisa abadlali abaminyaka engaphantsi kwelishumi elinesibhozo neshumi elinesithandathu kokubini kumakhwenkwe nasemantombazaneni.

“Akukho nto ikhethekileyo ngale tumente yale veki, sidlala nje kuba sifuna ukukhulula abantwana ukuze baqwalasele izifundo zabo. Inkxaso esiyifumana ebantwini bakwaNU-5 ingumangaliso.

Luninzi ulutsha olunomdla kwiBasket Ball ngoku. Siye sidlale namaqela asuka kooNelson Mandela Bay Metro, e-O.R.Tambo nakooChris Hani,” utshilo uNkosazana uMandilakhe Makapela.

Nangona umdlalo weBasket Ball usasokola kwicala lezixhobo ezisetyenziswayo – kodwa eMdantsane kukhutshwe abadlali abangaphaya kwamashumi amahlanu abathe bathath’ inxaxheba kwimidlalo yephondo.