Abadlali be-EC Bees edlala kwi-ABC Motsepe League baza kufumana inyhweba yokudlala ne-Orlando Pirates – elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika.
La maqela mabini adibana kumdlalo obalulekileyo weNedbank Cup ngentsimbi yesithathu ngeCawe, eSisa Dukashe Stadium. Ngumdlalo oza kuzingxabalazisa iiBees kuba zigxeleshe indawo yokuqala kwiMotsepe – eyona nto ibalulekileyo kuzo kule isizini.
Nakubeni kunjalo, lo ngumdlalo abadlali abawulangazelelayo futhi abangadingi nkuthazo kuwo kuba bewubona njengethuba lokuziqaqambisa phambi kwabachola-choli betalente.
Enkosi kwiNedbank enika abadlali bamaqela amancinane amathuba okudlala namakhulu nokubonwa esizweni siphela.
Umqeqeshi weBees, uVuyisile Njedu, uyalivuyela eli thuba linqabileyo kwaye uthi iPirates iza kufika beyilindile.
IBees iqhuba kakuhle kwiMotsepe League kwaye ifuna ukuya kwiNational First Division. Ukudlala neBucs akuyondlwan’iyanetha ngoba iyingozi futhi ifuna ukuqhuba kakuhle kolu khuphiswano. KwiNedbank ziyenzeka izimanga, iPirates yakhe yalixhoba leqela elincinane. “Ha ha ha, amalungiselelo walo mdlalo mahle. Kaloku iPirates liqela elikhulu esilibukela kumabonakude – lo mdlalo ubanika umdla kakhulu abadlali,” utshilo uNjedu.
“Akukho nentwana yexhala. Abadlali bawulungele umdlalo – kodwa kufuneka siqine phaya emva ukuze sikwazi ukumelana neefolosi zePirates. Abantu mabaphume ngobuninzi bazo kubukela umdlalo omhle. Ubukho babantu buza kusincedisa nathi,” utshilo uNjedu.
IBhakaniya liza eMonti linethemba lokufumana impumelelo yokuqala phantsi kukaKjell Jornevet.
Umdlalo weBucs ufunqukile ngoku nangona ingekaphumeleli kwimidlalo elishumi elinanye edlulileyo. UJornevet uthi unethemba lokudlala ngcono kulo mdlalo neqela lakhe lifumane impumelelo. Oku ukuthetha emva kokuba iqela lakhe lidlale ntanganye ngo 1-1 neSuperSport United ngoLwesibini odlulileyo.
Ukuqhuba kakuhle kwiNedbank kungabuyisela ukuzithemba kwiqela, kubuyise nabalandeli abazizigcululelo zokuxhokonxwa ngabanye.
Imidlalo yeNedbank Cup
NgoMgqibelo: Jomo Cosmos vs United Rovers @Tsakane Stadium 15:00; FC Cape Town vs Baroka FC @NNK Rugby Stadium 15:00; KwaDukuza United vs Ajax Cape Town @Sugar Ray Xulu Stadium 15:00; Buya Musthu vs Bloem Celtic @Moruleng Stadium 15:00; Free State Stars vs Highlands Park @Goble Park Stadium 20:15; Stellenbosch FC vs Kaizer Chiefs @Athlone Stadium 20:15.
NgeCawe: Golden Arrows vs Maritzburg City @Princess Magogo Stadium 15:00; Acornbush United vs Cape Town City @Kabokweni Stadium 15:00; Days FC vs Mbombela United @Griffons rugby Stadium 15:00.
Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!