Ibekwe izandla yiChippa United yavuma iChiefs emdlalweni obuseMonti

Abalandeli beKaizer Chiefs banxunguphele kwakhona emva kokuba iqela labo liphulukene nomdlalo wesibini kwiveki enye. Oku kulandele emva kokuba iChippa United ibethe iChiefs ngo’2-0 emdlalweni obubanjelwe eBuffalo City Stadium emalanga namhlanje. Noxa amaqela edlalile – kodwa ibala libadlalise kakubi abadlali ngoba belimanzi. Le yiveki embi kakhulu kwiChiefs ngoba ize eMonti isophisa emva kokubethwa yiStellenbosch FC. Kanti yona iChippa iphumelele imidlalo emibini kule veki ngoba ibethe iCape Town Spurs ngo’2-0 kwiintsuku ezigqithileyo.

Isiqingatha sokuqala siphele iChippa ihamba phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Umdlalo utake iintlantsi zisuka – kodwa ibiyiChiefs enamandla. Abadlali abafana noRanga Chivaviro, uPule Mmodi noChristian Saile bakwazile ukudala amathuba – kodwa abakwazanga ukuwasebenzisa. Kwelinye icala, uCraig Martin uphose ithuba ejongene ngqo noBruce Bvuma. Ngokuhamba kwexesha, ukuzithemba kuye kusenyukela kwiChippa. iqhubele phambili nokuhlasela yade yavula iChiefs emva.

Igowuli lokuqala leChippa United lifakwe nguEva Nga Bienvenu emva komzuzu wamashumi amabini. Yothukile iChiefs, khange kube kudala yabuya futhi iChippa. Ifake igwouli lesibini ngonyawo lukaSinoxolo Kwayiba – umdlali osakhulayo welokishi yaseGqeberha. Ligowuli elo elithe layitheza amandla iChiefs. Emva kokubuya kokubuya ekhefini, uAyabulela Konqobe uphantse wayifaka engxakini embi iChiefs. Umdlalo uqale ngokuba dikidiki kwisigaba sesbini somdlalo.

Akhe azama Amakhosi ukuhlasela. UMmodi noMdantsane bahlasela ibhola yabo yadibana noSaile esendaweni entle – kodwa ibhola yakhe ithintelwe nguDarren Johnson ezipalini zeChippa United. Amakhwenkwe kaThabo September aye ahlala kakhulu emva kwisigaba sesibini. Ibihlasela iChiefs – kodwa uJohnson ebethe qwa ezipalini kakhulu. Azamile kakhulu Amakhosi kwisigaba sesibini – kodwa iinzame zawo ziphelele emoyeni. Nanamhlanje iChiefs ibekwe izandla yiChippa yavuma.