Ibethelele indawo yayo iChiefs, wona Amatsatsantsa antywilisele AmaZulu

Lebogang Manyama of Kaizer Chiefs celebrates goal during the Absa Premiership match between Kaizer Chiefs and Baroka FC on the 28 September 2019 at FNB Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Ibethelele
indawo yayo phezulu iKaizer Chiefs emva kokubetha iBaroka FC ezamileyo
ukugoloza ngegowuli elinyeeqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership
obubanjelwe eFNB Stadium ebusuku izolo. Umdlalo ubushushu kwasekuqaleni kwawo, kangangokuba
u-Itumeleng Khune unqande amanzi engena endleni kaninzi abadlali beBaroka FC
befun’ into ebilapha. Amakhosi aye anyanzeleka ukuba enze inguqu kwangoko
emdlalweni emva kokuba uKhune eye wonzakala. Indawo yakhe ithathwe nguDaniel
Akpeyi – odlale ngendlela encomekayo kakhulu. Igowuli ephumelele ngalo iChiefs
lifakwe nguLebogang Manyama emva kwebhola kaLazarous Kambole ecikwe ngunozinti
weBaroka. IBaroka ebidlala kakuhle kwisigaba sokuqala ifumene ithuba elihle
ngethuba uRichard Mbulu ejongene noKhune ngqo – kodwa ngelishwa lakhe ibhola
iye yaphuma ecaleni.

Asukelene amaqela
nakwesesibini isiqingatha somdlalo amaqela. UDaniel Akpeyi uye wasebenza
ngethuba evala ibhola ebikhatywe nguBa Ga Mphahlele. Kanti naye uMduduzi
Mdantsane uzamile ukwenza umahluko ekungeneni kwakhe kwisigaba sesibini
somdlalo. Asinde cebeshu Amakhosi kwimizuzu yokugqibela yomdlalo emva kokuba
iibhola zeBaroka ezimbini zibethe epalini. Impumelelo igcine iChiefs isendaweni
entle phezulu nangona iphambili ngomdlalo omnye kwiPolokwane City
ekwindawo yesibini. Kweminye imidlalo, i-Orlando Pirates ibambene neCape Town
City
ngo’3-3, iGolden
Arrows ibambene ngo’2-2 neStellenbosch, iSuperSport United intywilisele AmaZulu
ngo’1-0 atsala nzima kakhulu kanti yona iMaritzburg United izibethele iChippa
United ngo’1-0 ngoLwesihlanu.

 

Chiefs: Khune, Sasman, Mathoho, Cardoso, Frosler, Maluleka,
Manyama, Parker, Baccus, Billiat, Kambole.

Amalalela: Akpeyi, Katsande, Ngezana, Twala,
Castro, Gordinho, Mashiane.

Baroka: Chipezeze, Mogaswa, Shozi, Sibiya,
Ngubane, Patjie, Phiri Jnr, Kambala, Mabeba, Makgaka, Mbulu.

Amalalela: Dlamini, Kgoetyane, Ntswane,
Madondo, Nzimba, Selemela, Mdantsane.