Ibethiwe iBucks kumdlalo wokuqala

IMthatha Bucks iyiqale kakubi imidlalo yamaqela we-ABC Motsepe League adlalela indawo kwaNFD ebanjelwe eDe Beers Stadium eKimberley izolo, emva kokuba ubethwe ngo 2-1 liqela laseLimpopo iMagesi FC kwimidlalo ka-Group B.

Amathole Amnyama ngawo aqale ngokufaka igowuli, kodwa oyiswa kukubambelela kulo njengoko iqela laseLimpopo liphendule kungekayiwa nakwikhefu lo nto yabangela ziye kulo zintanganye.

Kwisiqingatha sesibini iMagesi FC ifumene elisibini igowuli nelibe yimpumelelo kuyo nanjengoko ikwazi ukubambelela kulawo mabini wade waphela umdlalo.

Ukanti kwelinye icala kwakule midlalo ka-Group B, iKurumanae Kicks (Hungry Lions) izibethele iNorth West Shinning Stars ngo 3-1 kumdlalo wokuqala kwisuku lesithathu yale midlalo kwakwelibala linye.

Eziphumo zale midlalo yokuvula zibeka iqela lephondo leMpuma Koloni phantsi konxinizelelo olumandla, kuba kufuneka liphumelele nakanjani kumdlalo walo ulandelayo.

IMthatha Bucks ukuba ufuna ukuzibekela indawo kwi-National First Division League kwisizini ezayo, kufuneka uqinisekise ukuba uyawuphumelela umdlalo weKurumanae kicks (Hungry Lions) kwakunye neNorth West Shinning Stars.

Namhlanje ngentsimbi yesithoba iBukcs izakudlala neHungry Lions kwibala iDe Beers, kulandele nomdlalo weMagesi FC neNorth West Shinning Stars ngentsimbi yeshumi elinanye kwakwelibala linye, yonke lo midlalo yeka-Group B.

Ukanti nawo amaqela ka-Group A awayekanga ukuxhelana ecaleni, iMbombela United izityhwatyushele iGlendene United ngo 3-1, logama i-African All Stars izibethele i-Roses United ngegowuli elinye eqandeni, kwimidlalo ebibanjwe kwibala iDe Beers ngoLwesibini emva kwemini.