Abaphathi beBetway SA20 babhengeze izicwangciso ezitsha zeesizini ezilandelayo kanye phambi kokusongwa kweyesithathu eqhubekayo ngoku. Ingxelo ekhutshwe izolo ithi abaphathi bayo iBetway SA20 ekhula kakuhle kakhulu nabaphathi beCricket South Africa (CSA) bavene ngelithi imidlalo yeBetway SA20 kwisizini ezayo iza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesithandathu iyokusongwa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga yokuqala kunyaka ozayo (2026).
Iinguqu ezenziwayo ziqinisa kakhulu umsebenzi owenziwe kwiisizini ezintathu ukusukela oko kwaqalwa le tumente yeqakamba ekhokelwa nguGraeme Smith owayenguKapteni weqela lesizwe. Uhlengahlengiso lwenziwe kuba kufunwa kubekho ulungelelwano neetumente zeqakamba zehlabathi.
Isizini yesihlanu iza kubuyela kwinyanga yoMqungu kwakhona ngo2027 ngoba uMzantsi Afrika uza kube usingethe itumente yehlabathi ubambisene namazwe omelene nawo (Zimbabwe neNamibia). Nayo isizini yesithandathu ngo2027 iza kuqala ekuqaleni konyaka.
“Siqinisekisa isicwangciso sethu seminyaka emithathu ngoba silungiselela nemidlalo yehlabathi,” utshilo uSmith ongumkomishinala weBetway SA20. “Siyazi ukuba abalandeli baza kuyamkela imidlalo yethu xa ingeeholide ngoba kukho neT20 World Cup esekuqaleni konyaka ozayo.
“Ukulungiswa kwethu izinto kakhulu sikwenza kuba sifuna abalandeli bakwazi nabo ukuzilungiselela bonwabele umdlalo weqakamba,” utshilo uSmith. Njengesiqhelo, iBetway SA20 inamaqela amathandathu weqakamba asuka kumaphondo ohlukeneyo eMzantsi Afrika.
Loo maqela yiDurban Super Giants, Joburg Super Kings, Pretoria Capitals, MI Cape Town, iPaarl Royals neSunrisers Eastern Cape. Emva kokuthatha indebe izihlandlo ezibini zilandelelana, izinto aziyihambelanga kakuhle iSunrisers kulo unyaka.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine