IBhakaniya lifumene iziqwayi zabadlali

UXola Mlambo ngumdlali omtsha kwiPirates emva kokuthengiswa yiWits.

Kule veki amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League ebethe bhazalala ekhangela abadlali abatsha phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthengwa kwabadlali.

Abona badlali abebengundaba-mlonyeni nguJeremy Brockie oye kwiMamelodi Sundowns noLeonardo Castro othathwe yiKaizer Chiefs – kodwa nayo i-Orlando Pirates khange ithi cwaka.

Ityikitye iziqwayi zabadlali ababini ngelizama ukuqinisa iinzame zayo zokuphumelela indebe kule sizini.

Eli qela laseSoweto lityikitye umdlali siswini uXola Mlambo osuka kwiBidvest Wits nefolosi egama lingu-Augustine Mulenga.

Aba badlali kunokwenzeka babeyinxalenye yeqela elizakudibana neMaritzburg United kumdlalo wePSL ngo’20:15 ngoMgqibelo ngoba uMilutin “Mich” Sredojevic udinga zonke iinduku zakhe ezisemgqubeni njengokuba iBucs ikhangela indawo ephezulu kwiPSL.

Ekuqaleni iPirates ibifuna uBrockie othathwe yiDowns kwiiveki ezidlulileyo. Ithe yakube ingakwazanga ukumtyikitya – iwelele kwilizwe laseZambia – apho ifumene uMulenge.

Le folosi izakukhuphisana nabadlali abafana noThamsanqa Gabuza noJustin Shonga naye osuka kwelaseZambia.

Umdla wabantu ukuMlambo owaziqaqambisa kwiChippa United phambi kokuya kwiWits engakwazanga ukumsebenzisa.

UMlambo, 26, uyahlonitshwa ebholeni ngenxa yesiphiwo anaso sokudlala ibhola – kodwa kwiWits ebengabonakali emidlalweni.

Le ndedeba ifike yamkeleka kwinkampu yeBucs emva kokulahlwa kwesinomhlwa yiWits.

“Kukho iimbuso ezintsha apha – kodwa kukho abadlali endinethuba ndisazana nabo. UMpho Makola ngumdlali obalulekileyo kum. Ngethuba kuthiwe mandime ngokuzilolonga yiWits, uMakola undixhase kakhulu kwaye endomeleza ngamaxesha onke,” utshilo uMlambo.

UMlambo uxelele ikhasi lomnatha lePirates ukuba umntu odlale indima ephambili ekuzeni kwakhe kwiPirates nguRulani Mokwena. “Nguye obeqinisekisa ukuba andilahli themba kwaye ndinayo nendawo yokuzilolonga,” utshilo uMlambo.