iBhala Chiefs ihambe neR10,000 yonke kwiMongi Rula Tournament!

Iintshatsheli zeMongi Rula Tournament ebibanjelwe eLusikisiki ngempelaveki. Umfanekiso: Uthunyelwe

Kukho ukutshintsha kwezinto okuqaphelekayo mvanje kwiitumente ezisezilalini nasezilokishini kwiphondo leMpuma Koloni. Abaququzeleli bazo bayaswaya kwiitumente ezingenzi mahluko ebantwanani abasakhulayo. Oku kuye kwagqama kakhulu kwitumente ekuthiwa yiMongi Rula tournament ebibanjelwe eNewrest Stadium, eLusikisiki, ngempelaveki egqithileyo. Amaqela ebhola ekhatywayo athe athatha inkxaxheba kulo nyaka aquke iMorden Stars, iHammers FC, uMqanduli FC, uMcoyana FC, uBumazi United, iPondo Chiefs, Rangerous FC, Zalu United, Amaphekula FC, iShooting Stars, New Madrid FC, iHome Sweepers FC, iLove Powers, iSundowns FC, iBhala Chiefs nabo Abatshana FC.

Yinyambalala yabadlali bebhola ekhatywayo abafumene ithuba lokulwela amabhaso neendawo kwiqela elichongiweyo labadlali abangamashumi amabini ananye. Abadlali badlale besazi ukuba bakhelwe umkhanyo ngamagqala ebhola ekhatywayo aquke uDennis Vukubi, uFezile Momo, uMzawuthethi Nogwaza, uMongezi Malashe noVusumzi Hashe. Bekukho nabachongi betalente bamaqela abasuke kumaqela afana neGolden Arrows neVadislav Heric coaching Agency. Kanti nowayengusompempe kwiPSL, uKhulasande Qongqo, ebekhona encedisa ngokulola izakhono zoosompempe betumente edlalwa egameni likaNkosi, uMongi Rula, owazibalula ngokufaka amagowuli ngeentsuku zakhe zobutsha kuMthatha Bush Bucs.

Abethene kwanzima amaqela kwade kwashiyeka iBhala Chiefs neHammers FC. Ekugqibeleni kuye kwaphumelela iBhala FC egoduke neshumi lamawaka erandi (R10,000) emva kokubetha iHammers efumene amawaka asixhenxe erandi (R7,000) emva kokubamba indawo yesibini. Amanye amaqela azithaphumeleleyo kumabhaso yiPondo Chiefs efumene amawaka amahlanu (R5,000) nawo Amaphekula FC azifumaneke amawaka amathathu (R3,000). Umhlaba waseMampondweni uchumile kakhulu kwicala letalente yebhola ekhatywayo. Kwiminyaka egqithileyo, iBizana Pondo Chiefs ikhe yadlala kwiMotsepe Foundation Championship – kodwa yoyisakala ngenxa yokungafumani inkxaso eyaneleyo koomasipala nakwisebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni.