Ibhengeze abadlali abanamava iHighlands Park

Iqela laseGoli elifikayo kwi-Absa Premier Soccer League, iHighlands Park, libhengeze uthotho lwabadlali balo abatsha izolo, abaquka abadlali abathe bazibonakalisa kumaqela ohlukeneyo kwisizini edlulileyo.

Olu luhlu lwabadlali lubonise mhlophe ukuba ngokwenene iHighlands Park ayizanga kwiPSL ukuzokongeza inani. Yiyo lo nto iqinisekisile ukuba irhwebeshela kuyo abadlali abafana noCollins Mbesuma, uThanduyise Khuboni noCharlton Mashumba.

Abanye babadlali ababhengeziweyo baquka uBrandon Theron, Khethukuthula Zwane, Edwin Sitayitayi, JP van der Merwe, Augustine Mbara, Seun Ledwaba, Junior Sibande noLebogang Ditsele.

Abadlali abafana noMbesuma noKhuboni badlale indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeMpumalanga Black Aces ebambe indawo yesine kwisizini ephelileyo.

Eli qela eliqeqeshwa ngu-Allan Freese linyukele phezulu emva kokuba liqhube kakuhle kwiNational First Division kwisizini ephelileyo.