Ibhengeze abadlali abatsha iSuperSport United

Amatsatsantsa abhengeze abadlali abatsha ngokusesikweni izolo kwikhasi lonxibelelwano uTwitter. Aba badlali babini nguReneilwe Letsholonyane noKeagan Ritchie. Bobabini basuka kwiKaizer Chiefs.

UYeye uthathwe yiSuperSport United emva kokuba engavumelananga neChiefs ngesivumelwano esitsha. Ukuhamba kwakhe kukholeleka ukuba koyamene nezithembiso ezingcono ezithiwe thaca phambi kwakhe leli qela lasePitoli.

Yena uRitchie kutshintshisenwe ngaye ngoSibusiso Khumalo.

Lo kaRichie khange adlale kakhulu kwiChiefs phantsi kukaSteve Komphela, kodwa kubonakala ngathi uStuart Baxter uzimisele ukumsebenzisa kwisizini ezayo. ISuperSport United iphumelele iNedbank Cup kwiveki ephelileyo, ngoku ilungiselela ukulwela iPremier League kwisizini ezayo futhi izimisele nokumela uMzantsi Afrika kwimidlalo yeCaf Confederation Cup kunyaka ozayo. Amava aba badlali kungayinceda kakhulu iSuperSport kwiphulo layo lokubuyisa ubunganga bayo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.